Urhulumente: ‘Makungenziwa migidi, kuba iza kunwenisa iCovid-19’

URHULUMENTE wephondo laseMpuma Koloni umemelele kwiintsapho ezoluse amakhwenkwe kweli xesha lasehlotyeni, ngelithi la makhwenkwe kufuneka ahlanjwe kuphela emva koko anxibe iimpahla zawo, kungenziwa migidi.

Oku kungenxa yokuba urhulumente unoloyiko lokuba imigidi iza kubangela ukunwena kweCovid-19.

INkulubaphathiswa, uOscar Mabuyane, uthi iqela lamagosa karhulumente asebenzisana neenkosi ukuqinisekisa ukuba luhamba ngendlela ulwaluko. UMabuyane uthi isigqibo sikarhulumente sokungena kwibakala lesithathu (Level 3) kuthetha ukuba akukho nkwenkwe enakuphinda yoluke kweli xesha lasehlotyeni.

Lo kaMabuyane uthi amakhwenkwe ayi-4 878 athe avavanyelwa iCovid-19, phambi kokuba oluke, ze abayi-239 kubo, bafunyanwa benayo le ntsholongwane. Abafunyaniswe beneCovid-19, bathe bagcinwa bucala.

“Ngelishwa kubhubhe abakhwetha abalishumi elinanye ngenxa yeengxaki zolwaluko, kodwa hayi iCovid-19. Sidlulisa amazwi ovelwano kuzo zonke ezi ntsapho,” kutsho uMabuyane.

“Le nto ithetha ukuthi usemninzi undonakele ekufuneka siwulungisile singurhulumente kulo mcimbi wolwaluko sibambisene neenkosi nabazali babantwana abaya esuthwini. Ndithetha nje kukho abakhwetha abangamashumi amabini anesibini kwizibhendlele zethu, bengeniswe zizinto ekungafanelanga ukuba zenzekile xa besiliqhuba kakuhle eli siko lolwaluko. Siyakhalima kwakhona, abantu abangamadoda bonke mabayidanele le nto yokusweleka kwabakhwetha abalishumi elinanye,” utshilo uMabuyane.