Ukususela oko kwaqala ukucima kombane ngo2007, izinto ziye zaba mandundu. Njengoko ilizwe kungoku nje likwisigaba sesibini nesesine, kukho umngcipheko wamanqanaba aphezulu wokucima kombane kwezi nyanga zizayo njengoko uhlahlo lwabiwomali lwedizili lukaEskom luphela. Oku kudizwe kwingxelo ekhutshwe liSebe lezamaShishini kaRhulumente (DPE) ngeCawe umhla wamashumi amabini (20) kweyeNkanga.
Ngorhatya lwangeCawe, uMphathiswa wamaShishini kaRhulumente, uPravin Gordhan, udibene namalungu ebhodi yakwaEskom ekhokelwa nguSihlalo uMpho Makwana. ISebe lisebenzisana ngokukhawuleza noNondyebo weSizwe kunye noEskom ukuze kufumaneke inkxasomali yokuthenga idizili.
Uhlahlo lwabiwomali lokuqala lwedizili kulo nyakamali umiyo wakwaEskom uphela ngomhla wama31 kweyoKwindla ka2023 yayizibhiliyoni zeerandi eziyi6.1, kodwa kamva lwahlaziywa lwaya kutsho kwi11.1 yeebhiliyoni zeerandi. UEskom sele echithe ishumi elinesibini leebhiliyoni zeerandi, esebenzisa ngokugqithisileyo uhlahlo lwabiwomali lwakhe.
I-DPE ivakalise kwingxelo ukuba iza kusebenzisana noEskom ukufumana imali eyongiwe kwingxowamali ekhoyo kaEskom yokuthenga idizili kunye nokugcinwa okuqhubekayo.
“Uvavanyo lweBhodi kwimingeni uEskom ajongene nayo kwizikhululo zamandla ombane ezikhoyo kunye nongenelelo olukhethekileyo ekufuneka lwenziwe ukudala ukuthembeka ngakumbi ekusebenzeni kwezikhululo zamandla,” itshilo ingxelo.
Ngaphezu koko, urhulumente wenze isicelo esingxamisekileyo soncedo lwazo zonke ii-arhente zogcinomthetho ekupheliseni ukuphazamiseka kwinqanaba lengingqi kunye nemisebenzi yolwaphulomthetho echaphazela amaziko ombane.
Isebe likwavakalise ukuba liza kusebenzisana noEskom ukuqinisekisa ukuba amagosa ahlala ekwazi ukubaluleka kwenkqubo yombane ethembekileyo kuqoqosho nentlalontle yabo bonke abemi boMzantsi Afrika.
Umhlalutyi wezamandla kwanenjineli yombane, uChris Yelland ungqinile kumnatha wonxibelelwano ukuba uthethe nesithethi sakwaEskom esiqinisekise ukuba idizili iphelile. Ukwadize ukuba idizili yee-OCGT iza kuphinda ifakwe de kuphele unyakamali ngomhla wama31 kweyoKwindla kunyaka ozayo okanye de bafumane enye imali yokuthenga idizili.
Njengoko urhulumente ezama ukufumana inkxasomali ukuze uEskom akwazi ukuthenga idizili, uloyiko lwabantu lokuchitha ixesha leeholide ebumnyameni luqinisekisiwe. Amashishini kunye noqoqosho luye lwatsala nzima ngenxa yokucinywa kombane. Awunakuzibamba uzibuze ukuba urhulumente uza kuyifumana phi le mali.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10