Urhulumente ukhalimela abagrumba amangcwaba wababhubhe yiCovid-19

INKULUBAPHATHISWA yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uyigxekile into ethe ndi yokugrunjwa kwakhona kwamangcwaba wabo babhubhe ngenxa yeCovid-19 esithi iintsapho ezenza oku kufanele ukuba zibikwe kwabasemagunyeni.

Kuthe ndi kumaqonga ezonxibelelwano okokuba kukho iintsapho ezithile kweli phondo leMpuma Koloni ezigrumba amangcwaba kuba zisithi amalungu azo ayakhalaza emaphupheni esithi afuthamisekile yiplastiki esetyenziswa xa kungcwatywa lowo ubhubhe ngenxa yeCovid-19.

Omnye kuTwitter uthe: “Xa kungakhona owam umzali ongasweleka ndixolele uyozithengela iPPE (izixhobo zokukhusela intsholongwane) ithotywe ibhokisi ndishiyeke ndedwa ndimkhulule kula plastiki emva koko ndiyozihlalela bucala mna ndedwa, [kuba] andinokonwaba ukumngcwaba kanjeya.”

UMabuyane uthi oku akwamkelekanga. “[Mandikhalimele] into ethe ndi yabantu abomba abantu abagcwatyiweyo besithi bafuna ubangcwaba ngokokutsha. Ayikho semthethweni lo nto kwaye iza kusasaza izifo. Abantu mabababachaze abantu abenza lo mkhuba kwiinkosi nasemapoliseni.”