Urhulumente uyagxekwa ngokuyekisa abasebenzi beCWP abadala

Urhulumente ugxekelwa ukuyekisa abasebenzi beCWP abadala. Umfanekiso: Vuk’uzenzele/GCIS

Umbutho wabasebenzi boMzantsi Afrika (Saftu) kunye neNkongolo yemibutho yabasebenzi yoMzantsi Afrika (Cosatu) basigxekile isigqibo sokuyekiswa kwabasebenzi beCommunity Work Programme abaneminyaka engama55 nangaphezulu.

ISaftu isichaze esi sigqibo ‘njengesenzo esikhohlakeleyo’ esihambelana ‘nemigaqo-nkqubo ebanzi karhulumente exhasa amashishini abucala, ebeka phambili imigaqo-nkqubo engqongqo yezoqoqosho nokunciphisa inkcitho’ ngaphezu kwentlalontle yabasebenzi kunye nabasebenzi abaninzi abantsundu.

ICosatu ithe olu phuhliso luxhalabisa kakhulu kuba aba bathathi-nxaxheba baza kungena kwintlupheko ekhawulezileyo kwaye baza kusokola ukufumana umsebenzi kuqoqosho olunezinga lentswela-ngqesho elikuma41,9%.

Imibutho yomanyano yabasebenzi ixhaswe ngumbutho woMkhonto weSizwe (MKP), othe esi sigqibo sibhentsisa ukungabi naluvelwano kurhulumente wendibanisela kazwelonke (GNU) kwingxaki yabantu abangaphangeliyo eMzantsi Afrika kunye nabasebenzi abasesichengeni.

Oku kusemva kokuba uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (Cogta) uVelenkosini Hlabisa ebhengeze ukuba izivumelwano zengqesho zabantu abaminyaka ingama55 nangaphezulu ziza kupheliswa.

Ukupheliswa kwengqesho kulindeleke ukuba kwenzeke ekupheleni kwale nyanga.

UHlabisa uthe oku kungenxa yokucuthwa kohlahlo lwabiwo-mali neminye imiba enxulumene noko.

UNobhala Jikelele weSaftu, uZwelinzima Vavi, uthe isigqibo sikarhulumente sibonisa ‘ukuzinikela kwabo bobukhoboka kwimigaqo-nkqubo yokungcungcuthekisa’ njengoko kumiselwe ngamaziko emali kumazwe ngamazwe afana neInternational Monetary Fund (IMF) kunokuba bakhethe ukuphakamisa impilo yabemi boMzantsi Afrika.

UVavi uthe ngaphandle kwezibongozo ezenziwa ngumbutho kunye neminye imibutho enenkqubela phambili malunga nesibonelelo seR1500, ukungabikho kwesibonelelo somvuzo osisiseko kuyenza maxongo le ngxaki.

“Ukuphelisa le misebenzi kunyanzelisa abasebenzi abadala ukuba bazibonele kuqoqosho apho intswela-ngqesho ixhaphake kakhulu,” utshilo.

Ingxaki yentswela-ngqesho eMzantsi Afrika imbi kakhulu, kukho ngaphezu kwezigidi ezilishumi elinesibini (12,2 million) okanye i42% yabantu abangaphangeliyo. Ngaphezu kwama80% abantu abangaphangeliyo baphelelwe yimisebenzi isithuba esingaphezu konyaka, nto leyo ebangela ukuba kube nzima ukuba abasebenzi abadala bafumane eminye imisebenzi.

Esi sigqibo sibagwebela iminyaka yentlupheko, nanjengoko besebancinci kakhulu ukuba bangafumana imali yenkamnkam kodwa bebadala kakhulu ukuba bangakhuphisana kurhwebo lwemisebenzi, utshilo uVavi.

“ISaftu ayizuhlala phantsi ingenzi nto ngelixa abasebenzi belahlwa okwezixhobo. Ukuba urhulumente uyasilela ukusirhoxisa esi sigqibo singekho sikweni, siyakuthatha amanye amanyathelo ngoqhanqalazo, kwaye sicele umngeni ngokusemthethweni. Abasebenzi abanakuqhubeka nokuthwala umthwalo wokungakhathali kukarhulumente kunye nemigaqo-nkqubo exhasa ubungxowankulu,” utshilo uVavi.

Isithethi seCosatu uZanele Sabela uthe lo mfelandawonye unethemba lokuthethathethana noHlabisa kunye noMphathiswa wezeNgqesho naBasebenzi ukuba baxoxe malunga neNkqubo yeNgqesho yoLuntu ebonelela ngendlela endilisekileyo yemisebenzi esisigxina kunye nomvuzo kwizigidi ezithatha inxaxheba kwezi nkqubo.

“Ngamaxesha amaninzi, ezi nkqubo zengqesho zihlawula ngaphantsi kowona mvuzo usezantsi ufunekayo, zibonelela ngezakhono ezincinci okanye amathuba oqeqesho, kwaye aziboneleli ngandlela zonke ezikhokelela emsebenzini. Oku kukhokelela kwimeko apho abathathi-nxaxheba baye baxhomekeke kwezi nkqubo kwaye xa zifikelela esiphelweni, zibabeka engxakini kunye neentsapho zabo,” uSabela utshilo, esongeza ukuba umbutho uza kuthethathethana noHlabisa kunye noNondyebo ukuze bafumane enye indlela endaweni yokuyeka ukuqeshwa kwabo bathatha inxaxheba kwiCWP.

“Ekugqibeleni, kufuneka kubekho ingxoxo malunga nokuqulunqa imodeli entsha yorhulumente wasekhaya kuba oomasipala abaninzi ngoku basemngciphekweni wokutshona. Uninzi lwabo lusebenzisa ezi nkqubo zomsebenzi ukufumana abantu bangaphandle abasebenza kule misibenzi isisigxina koko kuye kubhatalise kancinci. Kufuneka siqinisekise ukuba abathathi-nxaxheba baba yinxalenye yenkqubo yengqesho kamasipala kwaye bangabekwa nje phantsi kweenkqubo zomvuzo ophantsi,” utshilo.

Isithethi seMKP uNhlamulo Ndhlela uthe isigqibo sokurhoxisa izivumelwano zengqesho ‘sigatya ukuvunywa kwangaphambili kweofisi yoMphathiswa kwisetyhula 07 ka2024, eyagxininisa ukubaluleka kokubonisana okufanelekileyo phambi kokuba kuphunyezwe amanyathelo aqatha.’

“IOfisi yoMphathiswa yaqinisekisa ikomiti yeCogta ukuba akukho bathathi-nxaxheba abangaphezulu kweminyaka engama60 abaya kuphuma ngaphandle kothethathethwano olwaneleyo. Nangona kunjalo, olu tshintsho lwequbuliso luqinisekisa into abantu baseMzantsi Afrika ekudala beyikrokrela, isithembiso seGNU asinto yanto. Isetyhula ekhutshwe liSebe ukuba ihlehliswe le nto imbi ayiniki ntuthuzelo kwaphela,” utshilo uNdhlela.

Kusenjalo, umbutho wabahlali iSave South Africa umemelele iCogta ukuba isithathele ingqalelo isigqibo sayo. Lo mbutho uthe owona mceli mngeni mkhulu kukuba umntu oneminyaka engama55 akafane afumane ingqesho kuloo minyaka.

“ISave South Africa iyasigxeka esi sibhengezo kwaye ibongoza uMphathiswa ukuba abe novelwano kwaye naye azibeke kwizihlangu zabo azimisele ukubadenda,” sitshilo isithethi salo mbutho uTebogo Mashilompane.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.