Umbutho wabasebenzi bakarhulumente (PSA) umemelela urhulumente wephondo leMpuma Koloni ukuba afezekise ukuzinikela kwakhe ekuphuculeni iimeko zezikolo kwiindawo ezisesichengeni.
Oku kuza emva kwesigqibo seSebe leMfundo esiSiseko sokurhoxisa iphepha leemviwo zikaGrade 12 zeComputer Applications Technology (CAT) kubafundi abangama319 eGqeberha, eMpuma Koloni, abachatshazelwa yimozulu embi ngomhla wama28 kweyeDwarha 2024.
“Kwanobuhle, naseKariega, izikolo zidla ngokuchatshazelwa kukumka kombane, nto leyo edla ngokwenzeka ngenxa yemozulu embi. Ezi zikolo azinayo eminye imithombo yombane, efana neejenereyitha okanye amandla elanga, nto leyo edala umqobo omkhulu kubafundi nootitshala,” itshilo iPSA.
Lo mbutho uqhubeke wathi, “Ngaphezu koko, imiceli mngeni yokungabi namanzi ngamanye amaxesha ngenxa yokugqabhuka kwemibhobho ishiya imimandla ethile yelokishi ingenamanzi ixesha elide, amaxesha amaninzi ukuya kutsho kwiintsuku ezintlanu, nto leyo ephazamisa ukufunda.”
I-PSA ithe iyaliqonda ifuthe elibangelwa zezi ziphazamiso kubafundi. “Emva kokulungiselela ngenkuthalo unyaka wonke, abafundi bajongana nokuxhalaba okukhulu nokungaqiniseki xa iimviwo zihlehliswa ngequbuliso.
“Iziseko zophuhliso zezikolo, ngakumbi kwiindawo ebezingafumani mathuba maninzi ngaphambili, zisanqongophele ngezixhobo. Ixesha lezandyondyo zemvula lenzeka minyaka le, kodwa iindawo ezichaphazelekayo zisaqhubeka nokusokola ukufikelela kwizinto ezithile kunye namaziko akhuselekileyo. Oku kuphakamisa umbuzo wokuba ingaba abafundi bakaGrade 12 kuza kufuneka bajongane nale mingeni unyaka nonyaka,” itshilo iPSA.
I-PSA ithe uphuculo olukhawulezileyo lweziseko zophuhliso lubalulekile ekucutheni ifuthe lokuphazamiseka okuhlala kwenzeka ngenxa yemozulu nokuqinisekisa indawo yokufunda ekhuselekileyo, nezinzileyo kubo bonke abafundi.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party