Urhulumente waseNamibia uze ngemoto eMpuma Koloni

URHULUMENTE wengingqi ekwimpuma yeKavango eNamibia akakhange asebenzise buntofontofo bokukhwela inqwelomoya ukusuka kwingingqi yakhe esiza kweli leMpuma Koloni.

Endaweni yoko, baqhube isithuthi sabo iiyure ezingamashumi amabini anesibhozo ukusuka kwimpuma yeKavango eNamibia ukuza eMpuma Koloni ngeenjongo zokuthabatha inxaxheba kumalinge ozakuzelwano.

Oku kudizwe yiNkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ngethuba esamkela igqiza laseKavango kwihotele iICC eMonti ngokuhlwa kwangoLwesibini kule veki.

Eli gqiza belikhokelwa yirhuluneli yempuma yaseKavango uGqirha Samuel Kaveto Mbambo.

UMasualle uthi inyathelo elenziwe leli gqiza yinto abafanele ukuyifunda bengurhulumente weli phondo.

“Ndikuqaphele ukuba nisuke ngesithuthi eKavango ukuza apha kweli leMpuma Koloni. Oko kuthetha ukuba niluthathele ingqalelo olu hambo, futhi le nto ibonakalisa ukuzimisela kwenu. Le nto niyenzileyo, yinto esingafunda kuyo,” utshilo uMasualle.

UMbambo ulande imbali yokulwa ingcinezelo phakathi eyayiqhutywa ngamatshantliziyo aseMzantsi Afrika naseNamibia, esithi la mazwe mabini akuhlala engabahlobo.

“Ngoku idabi esijongene nalo yinkululeko yezoqoqosho. Eli lidabi ekufuneka sililwile, futhi kufuneka senze oko ngokukhokelisa phambili abantu abatsha,” utshilo uMbambo.

UMbambo wenze umzekelo ngesantya sengwenkala, ubugorha bemazi yengonyama kwakunye namehlo okhozi, esithi le yindlela abantu beli lizwekazi ekufuneka babonele ngayo kwidabi lokuphucula nokuphuhlisa iAfrika.

“Iingxaki zaseAfrika zifuna thina buqu. Akukho mntu osuka ngaphandle oza kusisombulela iingxaki zethu. Apha eMpuma Koloni size ukuzofunxa ulwazi, kodwa nathi sikwaphethe lona,” utshilo uMbambo.

Ushishino lwaseKavango luquka ezolimo nezokhenketho.

Eli gqiza ligqiba utyelelo lwalo namhlanje (ngoLwesine) emva kokutyelela iindawo ezifana neNkwenkwezi Private Game Reserve kwanamaphulo ezolimo eNgqushwa naseMonti.