NGAPHANDLE kokuvalwa kwamalwandle kwiphondo leMpuma Koloni, urhulumente weli phondo ukwakhuphe isilumkiso sokuba akukho zindibano zamkelekileyo ecaleni kwemilambo namadama.
Isigqibo sokuvalwa kwamalwandle ziinzame zokukhusela uluntu ekubeni lungosulelani ngeCovid-19, utshilo osisithethi sikarhulumente wephondo leMpuma Koloni, uMvusiwekhaya Sicwetsha.
Njengokuba kuthatyathwe isigqibo sokuvalwa kwamalwandle nje, kukhe kwakho iingcamango eziphuma kubantu abasebenzisa amaqonga ezonxibelelwano, afana noFacebook noTwitter, ngelithi kuza kudityanelwa ecaleni kwemilambo namadama ngeli xesha leziyunguma.
Kodwa urhulumente wephondo uthi oko akukho semthethweni.
“Sifuna ukulumkisa amalungu oluntu aceba ukudibanela ecaleni kwemilambo namadama ngeli xesha leziyunguma ukuba bangakwenzi oko kuba akukho semthethweni. Amagosa ethu ezomthetho aza kuzihlola iindibano ezinjalo,” utshilo uSicwetsha.
Ngosuku lweKrismesi bekuvakala amaza odwa kumalwandle waseMpuma Koloni aqhele ukugcwala abantu. UMasipala waseBuffalo City uthi uqeshe abantu bokuhlola ukuthotyelwa kwemiqathango yokuba kungayiwa elwandle. Aba bantu baza kusebenza de kube ngomhla wesibini kweyoMqunga.
Ibanjiwe indoda etshayise imoto ebikhwele uZuma