Urhulumente wephondo ubhena kwisigwebo ngeMakana

Urhulumente waseMpuma Koloni ubhengeze ukuba uza kubhena kwisigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseMakhanda, eyagweba ngelithi mawubhangiswe uMasipala waseMakana. 

Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, inkundla yagweba ngelithi mawufakwe phantsi komlawuli (administrator) uMasipala waseMakana, ibalula ukusilela kwalo masipala ekuseni iinkonzo eluntwini njengesizathu.
Inkundla yaseMakhanda yabalula ukuba lo masipala, amatyeli aliqela, uwutyeshele umgaqosiseko. 
Kodwa isithethi sikarhulumente wephondo uMvusiwekhaya Sicwetsha uthi emva kokufumana iimbono zabomthetho, bakholelwa ukuba singaphikiseka esi sigwebo.
 
USicwetsha uthi kubekho ukungaselwa so kwamasolotya omthetho alawula ukohlukana kweentlanti ezintathu ezenza umbuso, ekwathi izinto abazenzayo nabazenzileyo ukuncedisa umasipala khange ziselwe so yinkundla. 
“Isigqibo sokubhena asithethi ukuba akukho ngxaki eMakana. Urhulumente wephondo ukholelwa ukuba ungenelelo alwenze eMakana lufanele ukuthathelwa ingqalelo yinkundla,” utshilo uSicwetsha.
USicwetsha ubalule ukuncediswa kweMakana ekuhlawuleni ngendlela uEskom, ukubekelwa bucala kwe-R113 million ukuphucula iziseko zamanzi kwane-R22 million yokuthomalalisa imbalela njengezinye zezinto zokulungisa indlela esa ngayo iinkonzo eluntwini iMakana.