Usabele uMnquma kwimeko yomama osokolayo

Imeko yomama ongathathi ntweni obekhutshwe leli phephandaba I’solezwe kwiveki ephelileyo, waKwaNontshinga kuCentane uNokhwezi Shotana, 59, ithathelwe ingqwalasela ngabasemagunyeni nanjengoko uMasipala wasekuhlaleni uMnquma usithi uyichophele le meko yalo mama, kwaye negama lakhe sele likuluhlu lwabo bangxamisekileyo bangathathi ntweni kwisebe lezezindlu ephondweni.

Eli phephandaba lisenza udliwanondlebe noSodolophu walo masipala, uTunyiswa Manxila-Nkamisa, uthi kudala beyazi imeko kaShotana kwaye akalibaleki nakwiipasile zokutya eziye zikhutshwe nguSASSA. UManxila-Nkamisa ukwathe nomba wendlu kamama bawuqwalasele.

Uthi kwizicwangciso zabo babembalile umama kwizindlu zethutyana ngethuba ewelwe yindlu yakhe ebingurontawuli, kodwa kuba bekukho omnye umzi owawa waphela akwashiyeka nendlu yokuxhwarha kolo sapho. Uthi le ndlu yethutyana yanikwa usapho olu lwashiyeka lungenayo neyokufihla intloko indawo.

“Umama uShotana yena zange sibe samnika kuba wayenayo eshiyekileyo le bakuyo ngoku. Esakwenzayo samnika amazinki ekubeni avuse le bakuyo ngoku, kuba sasisaqala ngalo ungenandawo. Kodwa ndithetha nje isebe lezindlu ephondweni liphezu kwemeko kamama nanjengoko nimbonile nani kuluhlu lwabantu abalindele ukubonelelwa ngezindlu,” utshilo uManxila-Nkamisa.

USodolophu ukwadiza ukuba benguMasipala bayidlulisele kumasebe afanelekileyo, nomcimbi wesibonelelo segranti sabazukulwana ababini, abangenabo oomama nabaphantsi kogcino lukaShotana.

Uninzi lwenze isankxwe ngeli bali kwikhasi likaFacebook leSolezwe, lubuza ukuba uphi na urhulumente kwiimeko ezinje.

Abantu abaphuma kumasebe awohlukeneyo ephondweni, kwiinkampani ezizimeleyo, bafune iinkcukacha zabantwana nezekhaya kuba befuna ukunceda kwaye besithi bafuna nokuthundeza umasipala angenelele kule meko kaShotana.

Namhlanje umbutho osoloko uthe gqolo ukunceda abangathathi ntweni, iGift of the Givers, uza kutyelela kweli khaya ehamba neli phephandaba.