USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo

Zisuka nje enyakeni ka2025, inkampani eyaziwayo kwihlabathi ngokuvelisa iminxeba ephathwayo, uSamsung, yenze edume ngazo kwakhona. Oku kuvele ekuqaleni kwale veku ngethuba uSamsun Electronics Co, Ltd eveza esidlangalaleni okokuqala iGalaxy S25 Ultra, iGalaxy S25+ neGalaxy S25 ezintsha kraca eMzantsi Afrika emsithweni obubanjelwe eGauteng.

Ngokwengxelo ekhutshwe nguSamsung, ookracaza abatsha befowuni ephathwayo bawunyisile umgangatho kakhulu ngoba (uSamsung) uthi ufuna abasebenzisi bazo bazonwabele ngendlela eyahlukileyo. Ukufakelelwa kobuchwephesha obutsha obuquka iAI kwifowuni entsha (Galaxy S25) linyathelo lokuqala likaSamsung eliqinisekisa ukuba abantu benza izinto zabo nemisebenzi yabo ngendlela ephucukileyo kakhulu.

Ikhamera nayo iAl zinika umikazi wefowuni amandla wokwenza nantoni na ayifunayo ngesantya esiphezulu. “Ubuchule esize nabo yimiphumela yendlela abathengi bethu abazisebenzisa ngayo iifowuni zethu. Ukhuseleko leenkcukacha luqinisekisiwe,” utshilo uMnu. TM Roh, oyintloko kwezoshishino kwaSamsung Electronics.

Njengokuba kukho iAl, imifanekiso abaza kuyifumana abantu kwifowuli entsha isemgangathweni ophezulu futhi iza kwenza lula naxa umntu ekhangela ulwazi ngezinto ezithile kuGoogle. Ikhamera yeGalaxy S25 (ngokufanayo nezinye ezimbini) iqhayisa nge200MP.

Xa uyifaka kuZoom ikunika u50MP 5X – kanti kwikhamera yangaphambi ozifota ngayo (selfie) ino12MP. USamsung uqinisekisile ukuba ukusebenza kweefowuni zakhe ezintsha akusoze kulinganiswe nokweefowuni zangaphambili ngoba ezi azivelisileyo zinobuchule obutsha. Iifowuni ezintsha ziphatheka kakuhle ngesandla futhi zikhuselekile ngoba iglasi yazo ayikrweleki.

USamsung usungule iNew Galaxy Club – apho abasebenzisi abasebenzisi beGalaxy S25 baza kudibana khona bafumane izinto ezintsha noncedo olukhawulezileyo xa iifowuli zabo zineengxaki. Nakubeni zingekafiki – kodwa abantu bangazifaka izicelo zokuyithenga phambi komhla weshumi elinesithathu kwinyanga ezayo.