Usana lukhalela ibele lukanina obhubhileyo

Ubutyobo bengozi yeveni eDutywa eshiye isixhenxe sibhubhileUmfanekiso: Uthunyelwe

Iintsana ezimbini, enye eneenyanga ezine neneminyaka emibini, zishiyeke zingenamama kwilali yakuMangati eDutywa kulandela ukubhubha kukanina wazo kwingozi emasikizi eyehle kuhola uN2 ngakwilali yakuDoti eDutywa kwiveki ephelileyo.

Le ngozi yenzeke ngethuba iveni ebilayishe abantu abebesuka edolophini eDutywa ikhalale indlela yabhukuqa ishiya ubutyobo babantu abonzakele ngokumasikizi.

Ababantu bebesiya eColosa nakuMangati. Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi le veni ayikhange ingqubane nenye imoto.

Ngabantu abasixhenxe abathe babhubha kule ngozi logama abanye besesesibhedlele. Uceba wala mmandla uBongile Jamnda uthi kusenzima kwiintsapho zamaxhoba.

UJamnda ebephakathi kwegqiza ebelikhokelwa nguSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda, apho bathe batyelela iintsapho zamaxhoba kwiintsuku ezimbini emva kokwenzeka kwale ngozi.

Ngokwengxelo, usapho lakwaRhamba kuMangati lusaxhelekile yile ngozi emva kokuba umakoti walo, obenesana eliseneenyanga ezine, ethe waphakathi kwabo babhubhileyo.

“Into eyenza kubenzima mpela kwaRhamba kukuba umakoti obhubhileyo ushiya usana oluneenyanga ezine obelusancanca ibele ngoku imeko imbi kakhulu kolwasapho kwaye nomntwana ebekhala kuba eqhele uncanca kunina,” utshilo uJamnda.

UJamnda uthi, bengumasipala sele bethumele oonontlalo-ntle ngenzame zokoluleka iintsapho zamaxhoba.

Ukanti ne-arhente karhulumente iSassa sele iwatyelele amaxhoba. Ingxelo zithi ngomso kuza kubekwa intente kubanjwe inkonzo yesikhumbuzo samaxhoba kwaWadi 9 logama ingxelo isithi elinye ixhoba lakungcwatywa ngoMgqibelo amanye kwiveki elandelayo.

UManatha uthi ingozi le iqale ngokusuba imiphefumlo emihlanu ngoko nangoko, ze omnye wabhubhela kwikliniki yaseDutywa omnye wabhubha esendleleni eya kwisibhedlele saseGcuwa.

UManatha uthi, amapolisa asaphanda ngoyena nobangela wale ngozi. Kukholeleka ukuba umasipala waseMbhashe uzakuxhasa emngcwabeni nangona nje kungekacaci ukuba ngantoni.

La mmandla uthe gqolo kukuhlaselwa ziingozi. Kwinyanga ephelileyo kubhubhe abantu ngengozi yemoto ngakwilali yaseNywarha phakathi kweDutywa noMthatha apho usapho olunye luye lazibona lungcwaba abantu abathathu ngexesha elinye.

Kwabhubha abane kwangxwelerheka abahlanu, iveni ingqubene neAvanza.