I-ARHENTE yezendlela kweli,
iSANRAL ibambisene nombutho obizwa ngokuba yiUnity in
unomgogwana webhulorho kwindawo yoshishino
ebizwa ngokuba kuseStruandale eBhayi kule mpela veki siyishiyayo..
Malunga namashumi
amathathu wabantwana bezikolo ezi phantsi komasipala waseNelson
phantsi kwephulo lokwakho oongqondo-ngqondo kwezobunjineli nelibizwa ngokuba yiGreat
Engineering Minds (GEMs), obuqhutyelwa kwesinye sezakhiwo zakwaSANRAL.
Umququzeleli wale nkqubo
uLaurene Booth-Jones uthe inkqubo yolukhuphiswano inezigaba ezine eziquka
ukufundisa, ukuthyilela nokuqhelisa abafundi ngolu khuphiswano ngokubasa kwiindawo
zentsebenzo nangokubabonisa ngobucukubhede nobuxhakaxhaka bekhompyutha.
“Siqale ngokubhalisa ishumi elinesithandathu labafundi
kule nkqubo kodwa sibuya okwesibini saliphinda-phinda kabini elo nani. Le
nkqubo iyakwenza ukuba abafundi baqesheke ekugqibeleni kuba bayakube befumene
ulwazi ngokusebenza ngezandla zabo nangokusebenzisa ingqondo ngokuxhotyiswa
zikampani ezingamahlakani ethu,” utshilo.
Uthe isigaba sokuqala
siyakuqwalasela kubafundi baka Grade-11 noGrade-12 ukuze kwisigaba sesibini
bayokusebenza kwezi kampani.Kwisigaba sesithathu sibasa eyunivesithi baze emva
koko bafunelwe impangelo kwakwezi kampani.
“Ndiyavuya ukuba ndibe ngomnye wabathabatha
inxaxheba kwiGEM, Le nkqubo isinika ithuba lokuba sizazi kwaye sizithembe. Ndifumene ulwazi olu lulutho kuyo,” utshilo uVuyiswa Tefane ofunda uGrade-11 kwisikolo iAlexander High.
Yena uSinethemba Fesi
ofunda kwisikolo iEthembeni Enrichment Centre uthe ufunde kakhulu ngobunjineli
kwaye kumnike nezixhobo zokuzicingela.
URamaphosa uyiqhwabele izandla iEPWP encede abantu abaninzi