Usapho lakwaMvinjelwa lunikwe imvume yokungcwaba

UPumla Mvinjelwa-Ntombela nabantwana bakhe uNhlanhla noBajabulile ababulawa ngutata wabo eKapa baza kungcwatywa eWhitlesea ngoMgqibelo.

Ibiyimincili ngethuba ijaji yeNkundla ePhakamileyo eKapa inika usapho lakwaMvinjelwa imvume yokungcwaba intombi yalo nabantwana bayo.

UPumla Mvinjelwa-Ntombela kunye nabantwana bakhe ababini, uNhlanhla noBajabulile, bafunyanwa ekhayeni labo bedutyulwe ngomhla wama26 kweyoMsintsi eKapa.

Esi sihelegu kukholelwa ukuba senziwa ngumyeni, uSimthembile Ntombela, owafunyanwa eswelekile enenxeba lembumbulu kukho nesibhilivana asibhalileyo.

Emva koku kubekho ingxwabangxwaba phakathi kosapho lakwaMvinjelwa nelakwaNtombela, ilelo lifuna ukungcwaba owalo kunye nabazukulwana.

Usapho lakwaNtombela lamngcwaba unyana walo kuCentane. Ngalo lonke eli thuba amagqwetha ebevana amandla enkundleni ebangisana ngelungelo lokungcwaba abazukulwana. Kuqala usapho lakwaNtombela belufuna ukubangcwaba bonke, kodwa abakwaMvinjelwa bathi unotshe.

Amagqwetha akwaMvinjelwa aveze ukuba uNkskz Mvinjelwa-Ntombela ubeceba ukumshiya umyeni wakhe ngosuku ekwenzeka ngalo esi sihelegu.

Emva kwempikiswano etshisayo malunga namalungiselelo omngcwabo, abakwaMvinjelwa babhenele kwiNkundla ePhakamileyo becela ukuba ibanike ilungelo lokungcwaba abazukulwana babo nomama wabo. Ngokwesiko lesiXhosa, abantwana bekumele bangcwatyelwa kulotata wabo.

Amagqwetha osapho lakwaMvinjelwa aqhaqhe ibholo enkundleni, exelela ijaji uNobahle Mangcu-Lockwood ukuba nangona sele betshate iminyaka elishumi, abakwaNtombela zange bayihlawule yonke ilobola. Bathi iingxoxo zozakuzo zaphela phakathi yaye uSimthembile zange eze kumcela kokwabo unkosikazi wakhe.

Kwaye aphinde aveza neencoko zikaWhatsApp eziphakathi kukaPumla noodade bakhe zibonisa ngokuphandle ukuba ebephetheke kakubi emtshatweni.

Ijaji iyalele ukuba abakwaMvinjelwa banikwe imizimba yabazukulwana ngoko nangoko.

Othethela usapho uNondumiso Mvinjelwa, uthi nangona kubuhlungu bayavuya kuba ngoku baza kumngcwaba kakuhle uPumla nabantwana bakhe.

“Siza kubabeka enkundleni kwaDlomo eWhittlesea eKolomane ngoLwesihlanu umhla we15. Baya kungcwatywa ngoMgqibelo,” utshilo.

isibhalo@inl.co.za