Usapho lubulela ingalo yomthetho ngesigwebo sowaxhaxha utata walo

Usapho lenkonde egama linguRaymond Giji Lugebu (94) neyabulawa de yakhutshwa nobuchopho bayo ngaphandle ikurontawuli wayo iyodwa eTyinirha eNgqamakhwe, luthi kusuke into emagxeni emva kokugwetywa kweNkosi yabo yinkundla yamatyala yengingqi yaseTsomo.

Olu sapho luthetha neli phephandaba, I’solezwe lesiXhosa, luthi obelukuxhalabele kukuba iphume itshaya le Nkosi ibe yayibavise ubuhlungu belusapho.

Intombi yale nkonde, uZanele Lugebu (62), noyintombi yesine kubantwana bayo, uthi, wayemdala utata wabo zange balindele ukuba uyakubhubha ngendlela athe wabhubha ngayo.

“Obekubuhlungu nangakumbi kuthi ibeluhlobo utata abhubha ngalo elokubulawa kabuhlungu ekula minyaka akuyo. Sasiba ukumka kwakhe emhlabeni iyaba kukulala angavuki okanye ibesesosigulo hayi kanje,” utshilo uLugebu.

Uqhube wathi: “Besinalo ixhala lokuba angangafunyanwa enetyala aphume etshaya umrhanelwa kuba engumntu omkhulu kwaye ebenabantu ebebemthethelela kakhulu ekuhlaleni besithi akenzanganto. Kona besisoyika kuba ebekhe walityibeka nasemntwini eli tyala eliphika.”

UNkosi uMasibonge Magodla (35) ugwetywe ubomi yinkundla yamatyala yengqingqi yaseTsomo kule veki emva kokufunyanwa enetyala lokubulala uRaymond Giji Lugebu emini ekwakhe ngoEpreli ka2022, babe abantu bekwisifihlo esasiselalini ngolu suku.

Ngo2022, eli phephandaba lalithethe nentombi engasekhoyo yamagqibela yale nkonde, uThembela Lugebu, kusandokwenzeka esi siganeko. Nalapho yadiza ukuba iqinisekile ukuba utata wayo ubhubhe ecela uxolo ngethuba ebulawa yiNkosi yabo.

“Umbulelo wethu silusapho ukula mangqina asibhozo ayeceliwe yiNkosi ukuba mawayokuthatha utata wethu. Sibamba ngazo zozibini kubo,” uvale ngelo uZanele.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, uqhwabele izandla watsho encoma namangqina ngentsebenziswano, ukuzinikela kwawo kwanokungavumi kwabo ukuzibandakanya nolwaphulo-mthetho ngethuba becelwa yile Nkosi yesizwe saMagodla.