Usapho lufuna ubulungisa ngonyana walo obulewe lixhego ebencuma nalo!

Uyangcwatywa namhlanje uLudwe Hlalukana (31), obethwe wabhubha lixhego ebencuma nalo, nelinamashumi asixhenxe anesine (74) eminyaka ubudala.

Ukanti ixhego eli lithe lenza esi senzo, liza kube livela kwakusasa njalo, uLwesine kwiNkundla zamaTyala eMthatha apho liza kube lifaka khona isicelo sebheyile.

Usapho lukaLudwe luthi okubaxhela umphefumlo nangakumbi luhlobo abhubhe ngalo uLudwe, ebhubhela kwizandla zomntu ebesithi uyamthanda kwaye sele kulixeshana bethandana. Othethe neli phephandaba I’solezwe lesiXhosa, uQondiswa Hlalukana, nothethela usapho uthi uLudwe ibingumntu ongathandi kwadlame.

“ULudwe ebethule ukufa ude ungamazi nento ayithandayo nangayithandiyo, andinakutsho ukuba eyona ebeyithanda ibiyintoni. Kodwa endimazi ngayo kukuthula kwakhe, ebengaluthandi udlame kwanento nje ethethisayo, ngoku xa ebulewe ngodlame sibuhlungu kakhulu noko ebengakufanelanga ukubhubha kanje,” utshilo uQondiswa.

UQondiswa uthi umrhanelwa wabetha uLudwe wabhubha ngomhla wesine kule nyanga yoMnga kwilali iNtlabeni kwaLink eMthatha, nalapho wamgcina ubusuku bonke wayokuzichaza emaPoliseni ngentsasa engakhange abaxelele bona usapho lwexhoba ngomntwana wabo.

Uqhuba athi eli xhego aliyonzalelwane yala lali kuba lisuka eJulukuqu kwaseMthatha, kukwavakala nokuba naseBhayi sele lisuka kanti naseDutywa ngokunjalo, ungumahamb’ehlala othile. Umrhanelwa lo kuthiwa lusapho ungumntu othanda abafana abancinci kuba uLudwe akangowokuqala ukuthandana naye nokula minyaka.

Owona nobangela wokubulawa kukaLudwe leli xhego awukaziwa. Ngokwengxelo yosapho labanjwa eli xhego kwaye lisengaphakathi eziseleni nalapho liza kube lifaka isicelo sebheyile ngomso uLwesine.

Ingxelo ngaphambili ibipapashwe yiKhula Community Development EC emva kokuba itsalelwe lusapho kuba lufuna ubulungisa ngonyana walo.

ULudwe ebesebenza njengonogada kwenye yeenkampani zoonogada edolophini eMthatha.