Usapho lukaMgijima luqumbele umasipala

UMprofeti uEnoch Mgijima UMFANEKISO: UTHUNYELWE

USAPHO olubanga ngelithi lolwasezityeni kumzi kaMprofeti uEnoch Mgijima, owayelitshantliziyo lwamalungelo oluntu lukholelwa ukuba umasipala ozinze kuKomani othiywe ngale nkokheli, akazange enze nkqubo ecacileyo yokuthetha nosapho ngethuba ethiya lo masipala ngo2016.

Ngo2016 kwadityaniswa oomasipala abathathu abangqonge iKomani babizwa njengeEnoch Mgijima Local Municipality. Aba masipala yiLukhanji, Nkwankca neTsolwana.

UGqirha Kabane, umzukulwana wakwaEnoch Mgijima, uthe: “Abantu bosapho lakwaMgijima, aba basezityeni, bachwethelwa kude ngethuba kusenziwa le nkqubo yokuthiywa kwegama likamasipala. Abantu abaphethe amafa kaEnoch Mgijima bachwethelwa bucala nokuba sekukhutshwa iimali.”

UKabane uthi bazamile ukuthethana nomasipala befuna ukuveza iinkxalabo zabo.

“Sikuzamile ukudibana nomasipala kodwa ngaphandle kwempumelelo. Side seza nezazisi kwaneziqinisekiso zokubhubha ukubonisa ukuba sizalana ngqo noEnoch Mgijima. Igama likaEnoch Mgijima lilifa lethu. Akekho umntu onemvume yokusebenzisa ela gama ngaphandle kwemvume yethu,” utshilo uKabane.

“Ingxaki bathethe nooMgijima abangabanye. Sizama ukuxelela umasipala ukuba ayizange yenziwe ngendlela eyiyo inkqubo eyakhokelela ekuthiyweni komasipala ngoEnoch Mgijima.”

UMgijima wagxothwa yiChurch of God and Saints of Christ ze emva koko wayokuseka inkonzo yamaSirayeli. Kusenzeka imbubhane yaseBulhoek ngo1921 nje, uMgijima yinkokheli yebandla lamaSirayeli.

UKabane utyhola amagosa oMasipala iEnoch Mgijima ngokwehlisa ngomlenze imali ehlelelwe amaphulo kwaneeprojekthi eziphantsi kwegama lalo Mprofeti. “Asizazi ukuba ziphelela phi ezo mali.”

UKabane uthi bafuna kuphandwe ubuni beziza zomhlaba wakwaMgijima athi zalahleka kwamasipala.

“Yimali engaphaya kwiR400 million ehlawulwe kubantu abaphulukana nomhlaba wabo, kodwa usapho lakwaMgijima aluzange lufumane nepeni emdaka. Sifuna kuqwalaselwe nento yokuhlawulwa kweebhishophu zaseChurch of God and Saints of Christ egameni likaEnoch Mgijima,” utshilo uKabane, ekwathi bafuna uMkhuseli woLuntu aphande ngoku, esithi bakwavule ityala nakwibutho eliphanda ngamatyala akhethekileyo (SIU).

UKabane ukwathe umzi wakwaEnoch Mgijima eNtabelanga awuhoyekanga, watsho esithi bafuna uthatyathwe njengesiza sokulilifa.

Ukuphendula, kwimbalelwano, igosa lezonxibelelwano lomasipala waseEnoch Mgijima uGcobani Msindwana, uthe ikomiti yolawulo lwezopolitiko yayiququzelela igama elitsha likaMasipala, apho amagama aye abekwa phambili kubandakanya uEnoch Mgijima.

Uye wongeza esithi amagama apapashwa kumaqonga kawonkewonke kwaye eli likaEnoch Mgijima lafumana iintsikelelo eluntwini nakwabo kuboniswene nabo ngezi nkqubo.

“Nosapho kwaye kwaboniswana nalo. Ngenxa yeso sizathu uMasipala wathiywa ngoEnoch Mgijima ngokusemthethweni,” utshilo uMsindwana.

UMsindwana uthe iofisi kaSodolophu weSigqeba ivulelekile kusapho ukuba luze luyokuxoxa ngayo yonke imiba abanokuba banayo malunga nalo mbandela kwaye bafumane isisombululo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za