Usapho lukhangela unyana walo obeyokufuna isikolo eWSU

Usapho lucela ukukhangeliswa unyana walo uOkuhle Dyasi,19, nogqityelwe esiya eWSU eMthatha eyokukhangela indawo yokuhlala umfanekiso: UTHUNYELWE

Lusuku lwesixhenxe lusexhaleni usapho lakwaDyasi kuNdabakazi eGcuwa emva kokuba unyana walo uOkuhle Dyasi oneshumi elinethoba ubudala edukile.

Ngokwengxelo yosapho, uOkuhle ugqityelwe ngoLwesihlanu kusasa ephuma kowabo kuNdabakazi esiya eMthatha kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu apho athathwe khona azokwenza unyaka wokuqala.

UTobela Dyasi nongumama womfundi uthi akasayazi ngoku eyenzekayo basexhaleni belusapho kuba umntwana wakhe akasafumaneki nasefowunini kwaye ebengekabinazo neetshomi eWSU njengoko ebesafika kule yunivesithi.

“Ixhala kukuba akayazi iMthatha ebeqala ukuya ngoku ndandiyokumfunela isikolo ehamba nam, sasifumana sabuya. Ngolu suku agqityelwe ngalo ngumakhulu wakhe ekhaya ebezihambela ukuya eMthatha eyokujonga indawo yokuhlala esikolweni kwaye ebeqala ukuziyela, kuko okundixhalabisa ngamandla. Ndinayo nento endizinika ithemba ngokuthi akafumaneki efowunini kuba engenaso isixhobo sokutshaja ifowuni nanjengoko wayengumntu ozojika abuye kwangala mini. Kodwa ndiphinde ndixhalabe kuba noko lide eli thuba lokuba angatsaleli namnye ekhayeni,” utshilo uDyasi.

UDyasi uthi ngethuba eye nonyana wakhe eWSU eyokumfunela isikolo waye wathatha iinombolo zamalungu eSRC kuba efuna aze amncedise kwindawo yokuhlala unyana wakhe.

Uthi abafundi bathi akakhange afowune kubo uOkuhle. UDyasi uthi nangona nje engumntu umthetho wakhe ongayihoyanga kangako ifowuni kodwa noko ngoku wenza ixhala kwaye ingenguye nomntwana othanda izinto.

Uthi baza kuya kwisikhululo samapolisa eGcuwa bayokuvula ityala lomntu olahlekileyo nanjengoko ebesazulisa ecinga ukuba uza kude abuye uOkuhle ekhaya.

Usapho lubongoza kuluntu olumbonileyo atsalele umama wakhe ku-060 351 8174 okanye amapolisa aseGcuwa okanye awaseMthatha.