Usapho luntunyekwe ngomlilo labhubha!

UMFANEKISO OSELUGCINWENI

APHANTSI phezulu amapolisa aseMount Ayliff ekhangela abarhanelwa abaxhaxhe babulala indoda (55) bakugqiba bantumeka indlu ngomlilo ebilele amanye amalungu amane osapho ale ndoda ixhaxhiweyo.


Esi sehlo senzeke kwilali yasePhepheni ekuzeni kusa ngoLwesithathu.

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier Tembinkosi Kinana, abarhanelwa abangaziwayo bafike ngezithuba zentsimbi yokuqala kweli khaya bafika bekhwaza phandle, kwaphuma indoda (55) yekhaya isabela,  babe sele beyihlasela ngokuyihlaba yabhubha kwangoko, emva koko umzimba wayo wabhaqwa egadini.

Amane amaxhoba atshiswe ngaphakathi endlwini nalapho bekukho kuwo nomntwana oneminyaka elishumi elinesibini (12).

UKinana uthi unobangela wokuhlaselwa kolu sapho awukaziwa. Ityala lokutshisa nokubulala livuliwe kwaye akukabanjwa mntu.

UMkomishinala wamaPolisa ephondo uGeneral Lt Liziwe Ntshinga simothusile esi sehlo. Uyalele ukuba amapolisa enze uphando, ababandakanyekayo koku badibane nengalo yomthetho.

Onokuba nolwazi malunga noku angatsalela kwisikhululo esikufutshane samapolisa okanye atsalele u08600 10111, igama lakhe lakukhuseleka