Usapho luwelwe ngumqa esandleni eCegcuwana

Usuku lokuphlehlelelwa kweentsuku ezilishumi elinesithandathu (16 days of Activism) zokuthi phantsi ngokuphathwa gadalala kwamanina kunye nabantwana emakhaya lize nethamsanqa kusapho lakwaSukwana eCegcuwana eGcuwa.

Xeshikweni kuphehlelelwa olu suku yinkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle kuCentane kwiholo yedolophu ngoLwesihlanu, olu sapho lufumene izipho kurhulumente wephondo.

Phakathi kwazo ibiyinto esiwa phantsi kwempumlo, iimpahla zokunxiba zabantwana zesikolo, kwaye urhulumente uthe wangenelela ukuba abantwana benzelwe iziqinisekiso zabo zokuzalwa.

UFundiswa Nomelikhaya Sukwana (54) ohlala nabazukulwana bakhe abathathu, uthe ungumntu onempilo engekho ntle ngenxa yephika kunye nesifuba ezamqala ngo2010.

“Andisakwazi nokusebenza ukuze ndikhulise abazakulwana ngenxa yempilo yam, kuba ndandifudula ndingumntu owayemane ebamba imisebenzi yethutyana kodwa ngoku kunzima,” utshilo uSukwana

Imali ka-Okuhle (11) noZintombi (13) yesibonelelo sikarhulumente luphila ngayo olu sapho laseCegcuwana.

“Ndiphila ngemali yabazukulwana bam ababini abaswelekelwa ngutata wabo owayengunyana wam. Omnye umzukulwana uSiyavuya (7) imali yakhe yegranti wabaleka nayo umama wakhe ongumntana wam wayokutshona nayo eRhawutini,” uqhube watsho.

UNomelikhaya Sukwana waswelekelwa ngumyeni wakhe ngo1998 benabantwana abane.

Abantwana bakhe uthi baseKapa naseRhawutini bakhangela umsebenzi logama intombi yakhe endala ehlala nayo ekhayeni yona, kuba inesigulo sokuxhuzula esayiqala ngo2000 ngoku kunzima nokuba ingasebenza ngenxa yempilo.

“Intombi yam ka1982 ingumntu oxhuzulayo kwaye kudala ndahamba oogqirha ngethemba lokufumana uncedo kodwa ayikancedakali nangoku,” utshilo uSukwana esehla inyembezi ebusweni.

Unethemba lokuba ngenye imini urhumelente uyakumbonelela umntana wakhe nokuba kungemali yesibonelelo, njengoko kubonakala mhlophe ukuba sokuze akwazi ukuzisebenzela yena.

Umphathiswa wesebe lophuhliso lwentlalo yoluntu eMpuma Koloni, uNancy Sihlwayi, uthi luxanduva labo ukuhlangula abo bangathathintweni.

“Apho sibona kunzima ngokwentlalo kunyanzelekile ukuba singenelele, naku sapho lakwaSukwana senze njalo,” utshilo uSihlwayi.

Ukwathe azimonwabisi iziganeko zokudlwengulwa kwamanina kunye nokubulawa koluntu eMnquma, nto leyo ebenefuthe ekubeni baphehlele iintsuku ezilushumi elinesithandathu zokuthi phantsi ngokuphathwa gadalala kwamanina kunye nabantwana kwindawo yakuCentane.

UMphathiswa uSihlwayi uthi basungule nenkqubo yamakhaya okugcina oomakhulu abangenabani ukuze baphile impilo engcono.

Uyikhalimele kabukhali eyokubethwa kwamanina ngamaqabane wawo, kwaye iziganeko ezinjalo ufuna zingafihlwa kuba alukho uthando olubethisayo.

Ukwahlabe ikhwelo kootata ekubeni banike amaqabane wabo imali yokondla abantwana, ndaweni yokubaleka nayo.

USihlwayi ukwathe noko ukhona umahluko kwiziganezo zokubulawa kwabantu abadala kwindawo ezifana naseLusikisiki kunye naseSajonisi kwaye lonto iyabachulumancisa.

Inkulumbuso yephondo, uPhumulo Masualle uthe uluntu maluhloniphe amalungelo abanye abantu, kwaye abahlali mabalwe ubugebenga kunye nokuhlukunyezwa koomama nabantwana.

Olu phehlelelo belizinyaswe ngabaphathiswa abaquka, uWeziwe Tikani, uMandla Makupula, Thandiswa Marawu, usodolophu womasipala waseMnquma uThobeka Bikitsha kunye nabahlali.