Usapho olwabotyozwa yiloli lucela amangqina

Imoto yabo eyabotyozwa yiloli kwabhubha umntwana wabo owayenenyanga ezintandathuUmfanekiso:ER24

EKAPA:

USAPHO olwaswelekelwa ngumntana walo owayeneenyanga ezintandathu kwingozi yemoto lucela amangqina aze ngaphambili ngoba abasemagunyeni batyhola utata womntwana owayeqhuba njengonobangela walo ngozi.

UJulius Magade, 35, nenkosikazi yakhe uSiyasanga Mose, 32, unyana wabo oneminyaka emithandathu nentombi yabo eyayineenyanga ezintandathu uEnzokuhle babesendleleni esingise eOttery kweyoMsintsi kulo nyaka uphelileyo yaze imoto yabo yabotyozwa yiloli elayisha imithwalo enzima.

Bathi umqhubi walo loli wabaleka wabashiya bevaleleke kulo moto yabo yayibotyokile.

U-Enzokuhle waye wabhubha kwangoko. “Ndandiqhuba kwicala elivumelekileyo ndaze ndabona itrakhi ijika egopheni. Yaphuma yeza kwicala lethu inqumla umgca omhlophe,” utsho uJulius owahlala iiveki ezintathu kwikoma ngenxa yokonzakala entloko.

Emva kwalo ngozi, bobabini baxelelwa ukuba abomelelanga ngokupheleleyo, ntoleyo ethetha ukuba abanakukwazi ukusebenza.

“Sisebancinci ngoku siphila ngenkamnkam yonyana wethu owasindayo kulo ngozi,” utsho uSiyasanga.

Lo ngozi yabangela ukuba uJulius angakwazi ukusebenzisa ingalo yakhe yasekunene nesandla sasekhohlo ngelixa yena uSiyasanga wafakwa intsimbi ethangeni lakhe lasekhohlo.

“Ndaxelelwa ukuba ndiyakuhlala nale ntsimbi ubomi bam bonke. Ndihamba kabuhlungu. Andisafani nakuqala,” utsho uSiyasanga.

Bathi ngoku endaweni yokuba bahlawulwe okanye kutshutshiswe umqhubi walo loli, abasemagunyeni bafuna ukutshutshisa uJulius.

“Bazama ukutyhola uJulius ngala ngozi. Yayingelotyala lakhe. Ngumqhubi wetrakhi owayeqhuba kwicala elingavumelekanga,” utsho uSiyasanga.

UGerhard Kotza, ophuma kwaSmith Tabata Buchanan Boyes Attorneys, omele usapho uthi basifakile isicelo sentlawulo kwaRoad Accident Fund (RAF).

Kodwa uthi, ukuba kufunyaniswe ukuba nguJulius ongazange alandele umthetho wezendlela, usapho aluzukubhatalwa.

Amangqina angatsalela uJulius ngqo kumnxeba wakhe ongu 083 589 5795 okanye bangamfumana naku 083 362 3433.