Usaqhula ekugugeni, ongagugiyo uLottering

Usaziwayo oliqhula UMark Lottering kumdlalo wakhe othi Hashtag #Lottering! eThe Venue eHemingways eMonti. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

LIGUGA nabasakhasayo iqina leqhula elaziwayo kweli loMzantsi Afrika uMark Lottering. Usamile akaqungqi
nakancinci kwiminyaka eli-19 lo saziwayo kwezokuqhula one-49 yeminyaka ubudala, emva kokuzenzela igama kumdlalo wakhe wokuqala othi, AFTER THE BEEP ngo-1997.
 

Italente kaLottering yenye yezinto ebonakalisa ukuba wonke umntu apha emhlabeni unento ayiphiweyo
ngumdali nemiyalezo amele ukuyidlulisa ngentetha okanye ngezenzo. Kodwa kuxhomekeke
emntwini ukukhulisa isakhono sakhe okanye ukusiyeka sife. 

Bekuhlekwa kubuhlungu iimbambo, kuvele nelomhlathi kwimpelaveki esiphuma kuyo eThe
Venue eseHemingways eMonti, besonwatyiswa nguLottering. Kulo mboniso 
ebengenzi kuphela abantu bagigitheke,
ebefundisa ngokwenza imizekelo ngendlela ayihambileyo. 
Ebebalisa ngekhaya akhulele kulo, elinomakazi oligqolo, umntwana uqaqadekileyo kunye nomalume olinxilakazi
kulo mdlalo othi Hashtag #Lottering!. 

“Ungaze wamkele isimemo kuWhatsApp apho usapho
lwakho lonke lixoxa khona ngemib’ edl’ umzi, licebo likaSathana elo ngu666,
yasoloko liqanjwa ngabantu abangoomahlalela elo cebo. Ukuba awukangeni okanye
awukamenywa, cezela kude ungekanyukelwa yiswekile,” utshilo uLottering. 

Intetha
yakhe ibibonakalisa inkathalo, ibilumkisa kwaye ikwaqulathe iimfundiso kwakunye
neegcebiso. Nangona ekhulele eCape Flats uLottering ekugqibeleni ude
wazithengela indlu, phakathi kwendawo yezinhanha
eCamps Bay
apho ahlala khona nomyeni wakhe u-Anwar McKay.