USathana ubhubhile, ubulewe nguMboro

UPastor Mboro ovakalise ukukhathazeka ngabantu abahamba bengcolisa igama lakhe enkonzweni ye- Incredible Happenings ebiseKing Zwelithini eMlazi ngoMgqibelo.

Umprofeti wodumo eMzantsi Afrika uPaseka Motsoeneng, uPastor Mboro, uxelele abalandeli bakhe kumakhasi onxibelelwano ukuba utyelele kwikomkhulu likaSathana, waza wambulala ngezandla uSathana.

“Ukufika kwam esihogweni ndifike kukho izigidi-gidi zabantu emgceni zilindele ukugcadwa nguSathana, apho ndifike kukho nosaziwayo kwezopolitiko kweli loMzantsi Afrika,” uthethe watsho uMboro.

Lo mprofeti ebesezindabeni kunyaka ophelileyo ngePasika, emva kokuba exelele uMzantsi Afrika ukuba utyelele eZulwini nalapho afike wathatha imifanekiso kanye eZulwini.

UMboro waxelela uluntu ukuba lukhuphe imali ekumawaka amahlanu eerandi ukuze likwazi ukufumana umfanekiso wakhe waseZulwini.

“Ndothuke kakhulu ukubona abantu abaphila ngathi zingelosi apha emhlabeni, bendicinga ukuba baya emaZulwini,” uthethe watsho uMboro.

Lo mprofeti ungumnikazi wenkonzo i-Incredible Happenings eKatlehong eRhawutini.

Ekuqaleni kwalo nyaka, uMboro ucelwe lisebe lamanzi nogutyulo lwelindle kuzwelonke ukuba abeyinxalenye yomthandazo owawuthandazela imvula, yanetha imvula yaxaka kweliya laseRhawutini emva koko.

“USathana uye wabonakalisa ukungonwabi ukundibona kwakhe, waza wayalela amajoni akhe ukuba andibulale, njengoSolomon waseBhayibhileni, ndiboyise bonke, uSathana wabalixhoba lam lokugqibela,” uthethe watsho uMboro.

Le ndoda kaThixo ithi isikelelekile kuba ikhe yafumana isipho semoto yohlobo lwe-BMW i8 esuka kuThixo ngenxa yokuba inceda abantu abahluphekayo.

“Ibhayibhile ithi abo banceda abantu abangathathi ntweni bayakuphakanyiswa nguYesu, kudala ndinceda abantu abahluphekayo, uThixo uyandibuyekeza ngale i8,” uthethe oko uMboro.

AbaProfeti beenkonzo ezintsha basoloko besematheni kweli ngenxa yezizathu ezahlukeneyo eziquka izithembiso ezingafumaneki ndawo.

Ingxelo ithi emva kokufumana izigxeko ngale ntetho, uMboro uyikhuphile imbalelwano ebeyifake kwikhasi lakhe likaFacebook.

Abantu basebenzise iindlela ezahlukeneyo bezama ukuqinisekisa ukuba ingaba unyanisile na uMboro, kuba uninzi lunomnqweno wokuba ade afe uSathana.

Ukanti ekuhambeni kweveki uMboro utshintshe iculo; waphinda waphefumla ngalo mba sele esithi le nto yokubhubha kukaSathana ayibhalwanga nguwe; kukho abantu abamsukelayo abamane bebhala izinto egameni lakhe kooFacebook.