Usavalelwe owahlaba unkosikazi emabeleni nasezimpundu wambulala

Isihlobo sikaNokuthula Noluvo Mandondo, uThembisa Bosha (ekunene), ebalisa ngendlela isihlobo sakhe esabulawa ngayo UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Usengaphakathi eziseleni uSicelo Nxeke owahlaba wabulala unkosikazi wakhe ngokungenalusini phambi kwabantwana babo abathathu nabasebancinci ngokweminyaka.

Oku kwenzeka ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga kaCanzibe kwilokishi yaseSiviwe kwidolophu yaseQumrha.

UNxeke, ngokokutsho kosapho kwakunye nabamelwane, kwakuvakala ukuba ngumntu onesikhwele nangona nje engazange wambhaqa ndawo unkosikazi wakhe ogama linguNoluvo Mandondo (37).

UNxeke wahlaba lo nkosikazi wakhe amanxeba aliqela kwaye anzulu, apho wawunokuthi usifake isandla kuwo, emxhaxha amabele, ekwamhlaba nasezimpundwini, wamshiya ethe tywa phantsi ebhubhile kwindlu yomhlobo wexhoba. USicelo wabulala umfazi wakhe nangona nje wayenqandwa ngunyana wakhe uLiso Mandondo (12).

Abanye abantwana bakaSicelo noNoluvo nguSisipho(14) no-Isiphile (7) kwaye bonke babekhona bekhala ngethuba uSicelo esenza esi sihelegu. Kwingxelo zakutshanje eziphuma kusapho lukaNoluvo, abantwana bathathiwe ngumalume wabo bayokuqala ubom eRhawutini njengoko bebeshiyeke bodwa. UNoluvo wangcwatyelwa kwikhaya lakhe eGcuwa, eshiya loo mzi wakhe mhle eQumrha.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Mluleki Mbi wamapolisa ala mmandla neziphaluka ithi, UNxeke uvelile kuMvulo wale veki kwaye usengaphakathi eziseleni nanjengoko eyalelwe ibheyile. Ulindele usuku lokuphinda avele kwakhona ezinkundleni zamatyala kungekudala.