NJENGOKUBA abanye abantu abatsha baye bakhethe ukuncama ukulandela amaphupha abo, kodwa yena umyili wempahla yokunxiba waseMonti khange avumele nanye ime phambi kwakhe.
USibonile ‘S’bo’ Xolo, 32, okhaya lakhe liseMdantsane kwiMpuma Koloni, ukhethe ukufezekisa iphupha lakhe lobuntwana naphila lilo kungoku nje.
Waqala ngokuzimisela njengomzobi ngethuba esafunda kwisikolo samabanga aphezulu iWongalethu esiseMdantsane, nto leyo yamkhokelela ekubeni azakhele ikhondo anokuphila ngalo.
Encokolela I’solezwe ngokukhetha kwakhe ifashoni njengendlela yokuphila, uXolo ucinga ukuba ukuthanda kwakhe ukuzoba, kuko okwamtyhalela ekubeni azibone sele ethungela iMpuma Koloni yonke iimpahla zikanokutsho.
“Ndaqala ukubonakalisa umdla kwimizobo ndisenza ibanga likaGrade 8, kwaye nootitshala bam esikolweni babendisebenzisa njengomzobi, oku kwabonisa mhlophe ukuba ndilandele eliphi icala,” kutsho uXolo.
Uthe akugqiba ngezifundo zakhe zokuYila iiMpahla (Fashion Designing) eWalter Sisulu University ngo-2007, nalapho waye wafumana iimbasa eziliqela, kuzo kuquka iwonga leMost Outstanding Range alifumene kunyaka wakhe wokugqibela, nathe lamenza wazimisela nangakumbi.
“Eli bhaso lalikhatshwa ngumatshini wokuthunga iimpahla, oku kwandikhuthaza kakhulu,” uyabalisa.
Akube efumene lo matshini, uXolo waziqalela ishishini lokuthunga kwityotyombe lakhe elalingasemva kwendlu yakokwabo kwilokishi yase-NU 5 eMdantsane.
Ukhumbula ngeentsuku zokusebenzela kwelo gumbi.
“Ndandithi ukuba ndinomthengi ofikileyo, ngamanye amaxesha kwakuye kufuneke ndilinde phandle ukuze abe nokukwazi ukulinganisa impahla leyo ayithengileyo ngaphandle kwexhala,” ubalise ehleka.
Lithe lakukhula ishishini lakhe wafudukela kumbindi wesixeko saseMonti, kube lapho abone khona ukuba ngokwenene ishishini liyaqingqa.
Sithetha nje uXolo unendawo yakhe yokuthungela ayibiza iSibo Next Level Fashion ekwisitalato esikhulu iDevereux Avenue, eVincent eMonti.
Kodwa noxa nje ishishini likhula, kodwa uyavuma ukuba noxinzelelo lukhona.
“Ndinqwenela ukufumana abanye oomatshini bokuthunga nanjengoko umsebenzi umninzi.”
Uphinde waveza ukuba unethemba lokufumana abasebenzi anokubaqasha.
“Kunzima nokuphumla kuba ndisebenza ndodwa. Ndinqwenela ukufumana abanye abantu, ingakumbi abanolwazi ngokusebenzisa uhlobo lwelaphu oluthambileyo.”
US’bo ukwafaka isandla kubantwana abangathathi ntweni ngokuthi achonge imbinana kwisikolo ngasinye ukuze asinike ilokhwe yokunxiba xa loo mfundi esiya kwitheko le-matric dance.
“Oku ndikwenza nabalingane bam endisebenzisana nabo. Siye umfundi simnike ilokhwe kwendinazo apha evenkileni, simenze i-make up sakugqiba simkhaphe ngemoto yethu ukuya kwitheko elo.”
Uthi le projekthi esele ineminyaka eyiqhuba yindlela akhuthaza ngayo abafundi abaqhuba kakuhle esikolweni kodwa abangathathi ntweni.
Ukholelwa ekubeni ukuzimisela nokuthanda kwakhe eli shishini, ukuhlonipha abathengi kuko okumenza ahlale esenqwanqweni eliphezulu.
Oku kumenza afumane abathengi abaphuma kwiidolophu ezingaphandle kweli phondo.
UXolo unethemba lokukhulisa ishishini lakhe lomthungo ngokulinwenwisa lifikelele nakwezinye iindawo.
Abo banqwenela ukunxiba kwezi mpahla zikanokutsho okanye bafuna ukufaka i-odolo bangatsalela umnxeba ku: 078 263 2904 ngeeyure zokusebenza.
Ungandwendwela nekhasi likaFacebook: Sibo Next Level Fashion.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile