UMembathisi Shepherd Mdladlana usebenze ngokucacileyo erhubuluza ngexesha lomzabalazo eNtshona Koloni ngeminyaka yoo1980 phantsi kombutho weAfrican National Congress (ANC), United Democratic Front (UDF) kwakunye neCongress of South African Trade Unions (COSATU) kamva.
UMdladlana wazixhobisa ngemfundo eyamenza ukuba asebenze njengetitshala iminyaka emininzi, nathe kamva waba yinqununu kwisikolo samabanga aphantsi iAndile eGugulethu.
Ukusebenza kwakhe kwiCOSATU kubangele ukuba abeyinxalenye yamadoda namanina asungula umbutho wootitshala, iSouth African Democratic Teachers Union (SADTU). Umsebenzi wakhe kwiCOSATU nakwiSADTU ibangele ukuba angene njengoMphathiswa kurhulumente wokuqala wolawulo lwesininzi kweli.
Indima ayidlalileyo ekusekweni kweSADTU yabangela ukuba abe nguMongameli walo mbutho wootitshala ixesha elide.
UMdladlana usebenze epalamente iminyaka elishumi elinesihlanu ethembekile kurhulumente wentando yesininzi. Othethe egameni lepalamente yeli, uMoloto Mothapo, uthi ngenene usebenzile uMdladlana.
“Indima kaMdladlana ekusungulweni komqulu wamalungelo oluntu iyaziwa kwaye icacile, usebenzile ngenene ukumisa nokuqinisa iziseko zenkululeko,” kutsho uMothapo.
NgoCanzibe ka1952, uMdladlana uzalelwe kweli leMpuma Koloni eQoboqobo nalapho aphume esiya kukhangela amadlelo aluhlaza eNtshona Koloni.
Ukusukela ngonyaka ka2012 ukuya kunyaka ka2016, uMdladlana usebenze njengonozakuzaku weli eCanada.
Kukho iingxelo zokuba umzimba wakhe utshiswe ngoLwesithathu wale veki, umhla wamashumi amabini anesithathu kweyeDwarha.
UMdladlana wayekwigqugula elathatha isigqibo ngendlela yokuchwechwisa uNelson Mandela ukusuka kwintolongo iVictor Verster eBholani ukuya kwisixeko saseKapa.
UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket