UseChina uRamaphosa

UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa kwiholo iGreat Hall of the People kumsitho wokwamkelwa obusindlekwe nguMongameli waseChina, uXi Jinping. Umfanekiso: X/@PresidencyZA

Ukusukela ngomhla wesibini kule nyanga yoMsintsi, uMongameli weli, uCyril Ramaphosa urhuqe iqela labaPhathiswa, abezoshishino kwakunye namagosa aphambili kuRhulumente ukusinga eChina.

Phakathi kwabo baphahle uRamaphosa, kukho neNkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane.

Kuthiwa injongo yolu tyelelo kukuqinisa ngamandla amaqhina ozakuzelwano phakathi kwala mazwe mabini, kukwalindeleke ukuba bazimase indibano yeForum on China-Africa Cooperation Summit.

Ekuqaleni konyaka ophelileyo u2023, la mazwe mabini abhiyozele ukugqiba iminyaka engamashumi amabini anesihlanu esebenzisana.

“Injongo ephambili yolu tyelelo kukwabelana ngolwazi ngeendlela zokwenza inguqu kwiimpilo zabantu bethu kwimingxilo eyahlukeneyo yobomi,” kutsho uMongameli uRamaphosa.

Iofisi yeNkulumbuso yeMpuma Koloni yona ikhuphe ingxelo yokuba baneenjongo zokutsala iinkampani ezivelisa iimoto eChina ukuba zize kweli leMpuma Koloni.

UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa kwiholo iGreat Hall of the People kumsitho wokwamkelwa obusindlekwe nguMongameli waseChina, uXi Jinping. Umfanekiso: X/@PresidencyZA

“Sikwaneenjongo zokuqwalasela indima esele ihanjiwe kwimicimbi equka urhwebelwano phakathi kwelizwe loMzantsi Afrika nelizwe laseChina,” kutsho uRamaphosa.

Ilizwe laseChina liphakathi kwamazwe atshotsha entla kwihlabathi ngokuvelisa uninzi lweemveliso ezisetyenziswa kwizintlu ezininzi zentlalo kwihlabathi.

Kutshanje, uMphathiswa weSebe elijongene nombane kweli wamkele umthwalo wesibini wezixhobo zombane ezivela eChina. Kunyaka ophelileyo, ela Sebe belamkele ijenereyitha zohlobo oluphezulu ebezivela kwela lizwe laseChina.

Ukusebenzisana phakathi kwala mazwe mabini kukwancediswana kukuqhogana okuphantsi kombutho weBRICS nesele ikhule yanamazwe amaninzi kwihlabathi angamalungu kuyo.

USekela Mongameli weli, uPaul Mashatile, nguye obambe iintambo njengoMongameli obambeleyo logama angekhoyo uRamaphosa.