Usecicini lokuphulukana nesihlalo uSodolophu weBCM

Johnnie Isaac

USodolophu woMasipala oMbaxa iBuffalo City, uXola Pakati, usecicini lokuphulukana nesi sihlalo emva kokuba iANC kule ngingqi ithe yonyula uSekela Sodolophu uPrincess Faku njengosihlalo wombutho.

UFaku wonyulwe kwinkomfa yeANC yale ngingqi neyaziwa njengeDr WB Rubusana kumalungu kaKhongolose emva kokuba usomashishini uLunga Nqam ebetyunjwe ngamasebe ethe warhoxa, evulela uFaku ukuba onyulwe kungayiwanga kuvoto.

Emva kokuba amasebe ale ngingqi ethe axoxa ngekamva leANC nangolawulo kumasipala iBCM, aphume nesiphakamiso sokususwa kukaPakati njengosodolophu ukuze anikezele iintambo kuFaku okhokele umbutho kule ngingqi.

Ophinde wonyulwa njengonobhala waseRubusana uAntonio Carels uyalele isikhokelo seANC eMpuma Koloni ukuba sithathe isigqibo nokuba asizukubalula ngalo mba.

USekela Sihlalo weANC kweli phondo, uMlungisi Mvoko, uthi isigqeba esikhokele umbutho siza kulinda imbalelwano esemthethweni yaseRubusana, kodwa wabuya wathi: “Ayisosigqibo sethu siliphondo ukususa oosodolophu kwaba masipala bambaxa, eso sigqibo seseqoqo eliphezulu kwiANC, nelaziwa njengeNEC. Siza kuva xa sele besibhalele, thina siza kudlulisela loo mbalelwano kwiNEC.”

Ukanti uFaku uthi uyaqala ukuva ezimbalini zeANC ukuba amanina akhethwe ade abe mathathu kwiqoqo elilawulayo.

Usekela sihlalo ikwalinina uKayise Tom, kwanosekela nobhala uSixolisiwe Ntsasela.

Obefudula engunongxowa uMalibongwe Mfazwe uphinde wonyulwa okwesibini kwesi sikhundla.

“Nenze ngaphezu kobekulindelekile, nonyula amakhosikazi ade amathathu. Ndiyaqala ukuyiva into efana nale kwiimbali zeANC,” uncome ngelo uFaku.