Ibuyiselwe ngaphakathi eziseleni kuba kuza kuqalisa ityala layo indoda yaseGcuwa egama linguMasibulele Sibamba, emva kokuba abahlali bedale isankxwe ngokukhululwa kwayo ngebheyile labe ixhoba lakhe awalitshisayo lilwela ubomi balo esibhedlele eGcuwa.
USibamba wa-ayina ngeayini etshisa bhe isithandwa sakhe nesikwangumama womntwana wakhe uYibanathi Mpama (29) welokishi yaseMchubakazi ngenxa yephetshana nje lekhondom awalibhaqa kwimpokotho yebhlukhwe kaYibanathi.
Abahlali kuquka nemibutho elwela amalungelo amanina nabantwana kummandla waseMnquma, imibutho eyohlukeneyo yezopolitiko efana neUDM, EFF neANC kuquka nezikolo ezingqongileyo bazalise phambi kweNkundla yeNgingqi eGcuwa kwiveki ephelileyo belwela uYibanathi kwaye belwela nokuba ibuyiselwe ngaphakathi le ndoda, neyakhutshwa ngaphandle ngebheyile ngethuba uYibanathi elwela ubomi bakhe esibhedlele.
UPrudence Mtso olitshantliziyo kula mmndla uthi akukho namnye obhinqileyo ofanele ukuphathwa kanje. UMtso ubongoze ukuba ingalo yomthetho mayidlale indima yayo ingakhethi bani kuba ukutshiswa uphila uyafana nobulawa uhleli.
Uqhuba uthi ixhoba lashiywa ngutata womntwana ukugqiba kwakhe ukumtshisa ekwezo ntlungu, ethe tywa phantsi. Ixhoba larhubuluza ngamadolo lisiya emnyango likhwaza uncedo kubamelwane.
UYibanathi walala esibhedlele iveki eneentsuku kwaye sele ephuma eICU. Ingxelo ithi uSibamba wamane eplaga embaneni leayini, yakutshisa ayincamathelise itshisa injalo emabeleni ukuya esiswini nasebusweni bukaYibanathi.
USibamba uxoxa engaphakathi eziseleni njengoko eye wabuyiselwa ngaphakathi emva kokubonwa etanasa ngaphandle.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa