Useluvalelweni othengisa abantwana abazi-Albino

Ushiyeke ngaphakathi eziseleni owasetyhini onama-28 ojongene netyala lokuxhwila abantwana abazii-Albino kummandla waKwa Zulu-Natal.

Le nkosikazi ibivele phambi kweenkundla zamatyala ase-Ubombo ngoLwesibini. Eli gqiyazana libanjwe ngethuba lizama ukuthengisa umntwana oyiAlbino kwixhwele lasekuhlaleni eManguzi.

Isithethi samapolisa ela phondo uNqobile Gwala uthi, umrhanelwa ubanjwe kwiveki ephelileyo eManguzi ngethuba ethengisa inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesibini ngemali engange-R100 000.

UGwala uthi, amapolisa aye ahletyelwa ngabahlali nawaye alandelela. Kulindeleke abuyele enkundleni kwiveki ezayo.