UseMelika uXasa

Usekela mphathiswa wezokhenketho kweli uToko Xasa

USEKELA mphathiswa wezotyelelo kweli uToko Xasa ukhokele igqiza lamagosa karhulumente
weli ukusinga eLas Vegas besiya kuzimasa umboniso wezoshishino IMEX Melika. 

Lomboniso
unika abezoshishino ithuba lokuba bavelise esidlangalaleni intengiso zabo
kumgangatho wehlabathi ukuze batsale abathengi abaphuma kwindawo ezahlukileyo. 

Ingxelo ithi inkampani kwane lizwe loMzantsi Afrika zinamava nesakhono
esamkelekileyo sokwenza ushishino nabantu kunye neenkampani zelizwe laseMelika. Lomboniso uqala namhlanje ukuya ngomhla wamashumi amabini kulenyanga
nalapho inkampani zeli zizalika zigudlana amagxalaba nosaziwayo kushishino
eMelika.

 Lo sekela
mphathiswa kukwalindeleke ukuba asebenzise elithuba athethe nabezoshishino eNew
York naseWashington
ngeenzame zokubeka uMzantsi Afrika kwindawo ephucukileyo. UXasa uzakugqibezela
utyelelo lakhe eWashington ngomhla wamashumi amabini, itshilo ingxelo yela sebe.