Usengxakini uNetanyahu

UBenjamin Netanyahu oyiNkulumbuso yakwaSirayeli.

INkulumbuso yelizwe lakwaSirayeli, uBenjamin Netanyahu, usengxakini kuba abahlali bela lizwe babonakalisa ukukruquka yimfazwe eqhubekayo phakathi kwela lizwe neHamas.

Sele kuziintsuku abasebenzi noluntu ngokubanzi beqhuba uqhankqalazo kwela lizwe besithi uNetanyahu makagqagqanise isivumelwano neqela loophuma silwe beHamas kukhululwe abantu abavalelwe eGaza.

Abaqhankqalazi batyhola uNetanyahu ngokurhuqa unyawo ukuthatha inxaxheba kwiinzame zokupheliswa kwemfazwe ephakathi kweHamas nemikhosi yakwaSirayeli.

Ilizwe lakwaSirayeli liqalise imfazwe kunye nelizwe lasePalestina ngokucacileyo ekupheleni konyaka ophelileyo.

Inzondo endala nengxaki yemida phakathi kwelizwe lakwaSirayeli nelizwe lasePalestina ngoyena nobangela wale mfazwe.

Ngenxa yale mfazwe, amazwe ehlabathi ahlukene kubini, logama nabantu bamazwe anjengoMzantsi Afrika behlukene kubini.

Kunyaka ophelileyo, ilizwe loMzantsi Afrika lifake isimangalo limangalela ilizwe lakwaSirayeli ngokubhubha kwabantu eGaza, West Bank nakwezinye iindawo.

NgeCawa ilizwe laseBritane livakalise ukuba nalo liyalunqumamisa uncedo ngezixhobo ngakwilizwe lakwaSirayeli. Ingxelo yela lizwe ithi bakholelwa ukuba uNetanyahu akenzi ngokwaneleyo ukusombulula ingxaki phakathi kukaSirayeli neHamas.

Ukanti uMongameli welizwe laseMelika, uJoe Biden, ugxeka uNetanyahu ngelithi akancedisani neenzame zokubuyisa uzinzo nokuphelisa imfazwe egquba kula mazwe mabini.