Useseziseleni owasetyhini obulele owasetyhini eGcuwa

Ishiyeke ngaphakathi eziseleni intwazana enamashumi amabini anesithathu (23) ubudala yaseTshoveni kwilali yaseCeru eGcuwa ejongene netyala lokuhlaba ibulale ixhewukazi elinamashumi amathandathu (60) eminyaka ubudala.

UKhayakazi Kolobile (23) nosele engumrhanelwa ngoku ebevelile kwiinkundla zamatyala aseGcuwa ngolwesibini kule veki, akanikwa thuba lokufaka isicelo sebheyile, laze ityala lakhe lamiselwa umhla weshumi kwiveki ezayo washiyeka ngaphakathi kugcino lwamapolisa, kwaye namapolisa asenza uphando oluphangaleleyo.

Ukapteni Jackson Manatha othethela amapolisa ala mmandla kwakunye neziphaluka unaba ngokuthe kwenzeka: “ UKolobisa uhlabe wabulala umama uNomilile Nkohla (60) emva kokuba eye wanengxabano kwakunye neentombi zexhoba eli ngecawe umhla wokuqala kule nyanga sikuyo ebusuku kwilali yabo.

“Ngokokuqhubeka kwengxwabangxwaba kungavisiswana uKolobisa uye wathatha imela ibiphambi kwakhe wangqala ngqo kumhakhulu emhlaba emphinda phinda kumzimba ongentla noye wabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.”

Amapolisa aye abikelwa ngale nyewe, waze uKolobisa wakhangelwa wabanjwa ngamapolisa wajongana netyala lokubulala.

Uyabuyela kwakhona ngolwesibini.