UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle kweli uThoko Didiza ukhokele igqiza labaPhathiswa noosekela babo ukuya kwelaseUganda. La mazwe mabini abambe ingungquthela eqale ngomhla wesihlanu kule nyanga ejoliswe kwezorhwebo noshishino.
Othethela iSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMzantsi Afrika uReggie Ngcobo uyazi ngcono injongo yale ngqungquthela. “Injongo yale ngqungquthela kukukhuthaza unxibelelwano, nengxoxo phakathi kwamaqela ahlukeneyo kulamazwe mabini, sijonge ukwakha amaqhina orhwebo noshishino,” kucacisa uNgcobo.
Ukusebenzisana kwamazwe aseAfrika kwezolimo nokurhwebelana ngemveliso kunganceda ukukhulisa imeko yezimali. Ethetha ngokwakhe uDidiza malunga nale ngqungquthela uthi ezolimo zizakudlala indima ephambili.
“Sijonge ukugxila ngoku kodwa kwezolimo, ezolimo zinexabiso eliphezulu kweli laseUganda, ngoko ukusebenzisana kubalulekile kwezolimo,” kutsho uDidiza.
Iimpawu zokukhula kwamaqhina ozakuzelwano phakathi kwala mazwe mabini kudala kukhona, kutyholwa isifo seKhorona ngokulibazisa inkqubela phambili. “Kukho iqumrhu elibizwa ngokuba yiForum for South African Business in Uganda (FOSABU) elijonge nokuqinisa amaqhina orhwebelwano phakathi kwala mazwe mabini,” kutsho uDidiza.
Kuthwa oosomashishini baseUganda abakwazanga kule minyaka igqithile ukugqobhoza bevula amashishini amakhulu kwilizwe loMzantsi Afrika. Owakhe waphatha kwelalizwe ngaphambili uIdi Amin wadudula amaNdiya namaTshayina kwelalizwe esithi abantu baseUganda mabakhokele ushishino.
Oku kwabangela ukubetheka okumandla kwemeko yezimali eUganda, kwanqongophala yonke into ngenxa yesigqibo sikaIdi Amin. “Ekuqaleni kwalo nyaka bekubanjwe ingqungquthela ePitoli phakathi koMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa kwakunye noMongameli waseUganda uYoweri Museveni,” kucacisa uDidiza. Zininzi iinkampani zeli ezisele zisenza ushishino kwelalizwe laseUganda, ezo ziquka uMTN nezinye ke iinkampani.
“OoMongameli aba bavumela ukuba makusungulwe iindlela ezakwenza ukuba iinkampani zala mazwe mabini zikwazi ukwenza ushishino lula phakathi koMzantsi Afrika neUganda,” uhambisa atsho uDidiza.
Kulindeleke ukuba akhule, aqine amaqhina ozakuzelwano phakathi kwala mazwe mabini emva koku. Ilizwe laseUganda lihamba phambili ngokuvelisa ikofu kwihlabathi, kodwa kunjalo ayikho ikofu yelalizwe eMzantsi Afrika.
Ngo2022 inkampani yakwaMTN yaququzelela ukumiselwa kwengxoxo yolutsha malunga namathuba ezolimo eUganda.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?