Usezakuhlala inyanga eluvalelweni otyholwa ngokubulala umyeni wakhe

Umhlolokazi obekwe ityala lokubulala umyeni wakhe uBulelwa Ndudula, kwinkundla kamantyi eMonti. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

UBULELWA Veronica Ndudula otyholwa ngokubulala umyeni wakhe uSakhekile Ndudula usezakuba kuvalelo lamapolisa into engaphaya kwenyanga emva kokuba inkundla kamantyi yaseMonti ithe yasikhaba isicelo sakhe sebheyile.

 

USakhekile ubhubhe kwikhaya lakhe eCambridge West eMonti emva kokudutyulwa izihlandlo ngomhla weshumi elinesine kwinyanga ephelileyo.

 

UBulelwa ebevela ityeli lesithathu enkundleni ngoLwesine. Ngokomlomo wegqwetha lakhe uSimphiwe Mbabane, uBulelwa uthe ucela ukukhululwa ngebheyile kuba ucingela abantwana bakhe ababini abafunda kwinqanaba leyunivesithi.

 

UBulelwa ukwathe unedilesi yokuhlala esisigxina kwanomsebenzi osisigxina nanjengoko esebenza njengotitshalakazi kwisikolo iRH Godlo Primary eMdantsane.

 

Le nkosikazi, ngokokutsho kukaMbabane, ithi imsulwa kwaye ifuna ukuhlamba igama layo.

 

Emva kokuva le nkcazelo, umbuso ukukhabe konke okuphakanyiswa ligqwetha likammangalelwa. Umtshutshisi uQuedoe Botha uthi umbuso unetyala eluluqilima ngakummangalelwa.

 

“Amangqina ethu ayiva ingxwaba-ngxwaba phakathi kommangalelwa nomfi phambi kokuba kwenzeke isehlo sokudubula. Umfi ebesoyika kwanokutya ukutya okuphekwe ngummangalelwa kuba ebenoloyiko lokuba angadliswa. Umfi ebelala kwibhedi yakhe yedwa ngengxabano yakhe nommangalelwa.

 

“Yiyo le nto singumbuso sithi ukubulawa kukamfi bekucwangcisiwe ngummangalelwa. Sikwanoloyiko lokuba ummangalelwa angaphazamisana namangqina ethu. Kungesosizathu ke sibangela ukuba sisiphikise isicelo sebheyile ngakumtyholwa,” utshilo uBotha.

 

Umantyi uNazeem Joemath uthe uBulelwa usilele ekunikeni ubungqina inkundla kwanezizathu zokuba yintoni enokubangela ukuba anikwe ibheyile. “Isicelo sakhe sebheyile siya sikhaba,” utshilo uJoemath.

 

Isicelo sebheyile sakumanyelwa kwakhona ngomhla wesibhozo kwinyanga ezayo.