UMBHALI WESOLEZWE
Igqirha elidumileyo kumabonakude nakumakhasi onxibelelwano, uMakgotso “Gogo Maweni” Mofokeng, uvele kwiNkundla kaMantyi ePitoli namhlanje ngezityholo zokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa ngonyaka ka2019.
UGogo Maweni ubanjwe ngeCawa, umhla we19 kule nyanga, ze wavela okukuqala enkundleni namhlanje umhla we20 kwinyanga yoMqungu.
Ityala lakhe limiselwe uMvulo weveki ezayo, nekungumhla we27 kweyoMqungu, nalapho kulindeleke ukuba afake isicelo sebheyile. Kungoku nje uMaweni useziseleni, nalapho elinde iveki ezayo ukuze afake isicelo sakhe.
Isolezwe lifumanise ukuba uMaweni ubanjwe ngamapolisa akwicandelo leGauteng Province Cold Case Investigation Unit, naweGauteng Counter Intelligence Investigation esikhululo saseMondeor, eRhawutini.
Eli phephandaba libuye lafumanisa ukuba uMaweni uyabandakanyeka nakwiziganeko zokubulawa kwabantu ezathi zehla e-Eldorado Park, eMondeor, eOrange Farm naseBekkersdal phakathi konyaka ka2020 no2024, nekungamatyala asaphandwayo.
Ezi zityholo ziqale ukuvezwa ngumhlobo wakhe, uPatricia “Gogo Skhotheni” Motsoeneng, kwingxabano yabo eyayitakisa iintlantsi kuTikTok. USkhotheni waye waveza nokuba phakathi kwabanye babantu ababulawa nguMaweni, kubalwa nomyeni wowayesaya kuba ngumhlobo wakhe omkhulu.
USkhotheni wathi ezi ziindaba uMaweni awathi waziphahluka kusapho lwakhe ngethuba wayezintyintye ngobhelu lomsenge, nalapho umntakwabo yena ebesele ehamba ezicula ezi ziganeko.
Nakuba kunjalo, ngeCawa edlulileyo, uSkhotheni noMaweni baveze ukuba sele bekudlulisile obekubaxabanisa, kwaye baxolelene. Ingxabano yabo isuka ngo2023 apho uSkhotheni waveza ukuba uMaweni ukopa izitayela zakhe kwakunye nesepha yakhe.
UMaweni uqale ukuzakhela udumo emva kokuvela kweendaba zokuba ebethandana nowayengumdlali kamabonakude, kumdlalo othi The Queen, uSthembiso “SK” Khoza, nowayelingisa indawo kaShaka, kuquka nowayengumdlali weMamelodi Sundowns, uSiyabonga Zulu.
Eli bali liqale lavela kwiSolezwe.
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup