Ushishina ngokuthunga lo gama eswele izandla

ABANYE abantu bathi bakukhubazeka balahle ithemba, ubone namaphupha abo etshabalala.

Kodwa akunjalo kuMama uBolekwa Salusa (60) wakwa-N.U. 5 eMdantsane. USalusa akanazandla, kwaye unomlenze owanqunyulwayo. Kwakungonyaka ka2012 kwisibhedlele iCecilia Makiwane apho uSalusa kwanyanzeleka ukuba anqunyulwe iingalo zombini kwanomlenze wasekunene ngenxa yesifo esibizwa iGangrene.

Noxa nje oku kwakubonakala njengomthwalo wokumsusa kwizinto azithandayo, uSalusa wanyamezela futhi akazange avume ukuphulukana nephupha lakhe kwanento ayithandayo, ukuthunga.

Sithetha nje uhlala nabantu abalithoba kwityotyombe lakhe elinamagumbi amathathu apho kuquka nabazukulwana bakhe. Bonke baxhomekeke kwingeniso kaSalusa ayenza ngomthungo.

Lo mama uthunga isikakhulu iilokhwe zomtshato, amajelumani oomakoti kwaneempahla zesikolo. Isikolo iChuma JSS eMdantsane senza i-odolo apha kuye xa sifuna iyunifomu nezinye izinto.

Ebalisa intlungu yakhe kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa uSalusa uthe: “Kwaqala ngokumane kubabuhlungu iminwe, ndathi hayi inoba sisifo seswekile kodwa uvavanyo lwegazi lona lungatsho. Ndandisithi mna inoba kukudinwa kwezandla ngenxa yomatshini ndaya esibhedlele, kulapho ndanqunyulwa khona, kwaqalwa ngeminwe kweziwa ngesandla uqobo iintlungu zabe sele ziphumela kwesinye isandla nekwakhawuleziswa sasuswa kuba singasentliziyweni.”

“Ubunzima baqala njalo kum, eyona nto ndandiyicinga yayilishishini lam lokuthunga, ndinexhala lokuba ndizakutya ntoni neentsana zam,” kutsho uSalusa.

“Ndiyayibona yonke le yonqunyulwa ndandicinga ukuba ndizakuthunga njani na. Yaba lusuku lwalunye ngomsindo emveni kweenyanga ndihleli phantsi ndingenzinto ndaputalaza ukwehla ebhedini ndaya kumatshini wam ndathunga. Wenzeka ummangaliso ndakwazi ukuthunga, ukusukela ngoko zange ndaphinda ndayeka.

“Eyona nto yandenza umsindo ndiphakame yayikukuba ndandisandul’ ukubathenga oomatshini bam ngezo ntsuku ndifikelwa kukugula okwabangela ukuba ndinqunyulwe,” utshilo uSalusa.

USalusa uthi, ufuna ukuba ngumzekelo kumanye amanina afana naye abonise ukuba iminqweno onayo iyafezekiseka nokuba ukweyiphi intlungu.

Uthi eyona nto iye imenze umsindo ngumntu onezandla zozibini kwanemilenze yomibini osoloko efuna ukukhongozela angakhe azenzele.

Uthi ngesele ekude yena ngoku uba bekusithwa unamalungu onke akhe omzimba apheleleyo.

Ezinye zezikolo azithungelayo yiChuma JSS eMdantsane. USalusa, uthi ubafundisile bonke abantwana bakhe ngabo abaye bayomthengela izixhobo zokuthunga xa ziphelile kodwa uthi okwangoku akabikho omlandeleyo ngesi sakhoono sokuthunga angathi kukonqena kuba wabafundisa.

Eminye yemicelimngeni kukuba akathungi xa kungekho mntu endlini kuba kubanzima ukufaka inaliti ematshini. Unyawo lokuhamba wayelinikiwe sisibhedlele nangona athi woyisakala kuba liyamtsweba.

Akunqwenelayo ngoku kukuba urhulumente, nokuba ngubani na, amncede ngezandla ezifakelwayo zale mihla.

USalusa nosapho lwakhe luthi alulali lungatyanga kuba neeblukhwe ziyangena ezifunwa ukugotywa. Enye yezinto awayeyithanda nathi wayeyinqwenela yayikukubasegadini abengumlimi.

Lo mama phambi kokuba akhubazeke wayeyinkokheli yooKopolotyeni abathungayo. Sesuka kuxhaswa ngumasipala iBuffalo City ngo2012 apho baye bathengelwa oomatshini bengabathungi.