Intetho yesiXhosa ithi indoda ihlakula, ihlakule kuvele ukutya yakugqiba ixwaye igaba igoduke, wenze njalo uMxolisi Koyo emva kokusebenza kakuhle kuMasipala wesithili saseChris Hani.
UKoyo uqale ukusebenza kula Masipala ngokuthi akhokele kwiikomiti ezininzi ezathi zamnika ithuba lokuba asebenzele abantu besi sithili.
Usodolophu woMasipala wesithili saseChris Hani, uLusanda Sizani, uthi ngenene uKoyo uwenze ngobunono nangempumelelo umsebenzi wakhe.
“Emva kokusebenza kwiikomiti ezahlukeneyo, usebenze njengoSodolophi ukuqala ngonyaka ka2011 ukuya kutsho kunyaka ka2016, nalapho esebenze kakuhle ezinikele kwiinkozo zoluntu,” kucacisa uSizani.
Ukusukela ngonyaka ka2016 ukuya kuma kunyaka ka2021, uKoyo ukhonze uluntu lwaseChris Hani esebenza njengosomlomo walo Masipala.
“Kungelo xesha kanye apho asebenze ngokuzinikela eququzelela ukumiselwa kwesicwangciso sophuhliso lwesithili iDistrict Development Agenda, uyiphakamisile iflegi yaseChris Hani kumanqanaba ahlukileyo ophuhliso,” utsho uSizani.
Ngenxa yobuchule bendalo bokukwazi ukukhokela, uKoyo wathi wonyulwa njengosihlalo weSouth African Local Government Association (SALGA) eMpuma Koloni.
“Egameni lesithili saseChris Hani sigqithisa amazwi ovelwano ngokungazenzisiyo kusapho, izihlobo nezalamane zikaMxolisi Koyo egameni labantu baseChris Hani,” kutsho uSizani.
Alukachazwa usuku lokungcwatywa kwale nkunz’ ibomvu kaNdondela kaMamali.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo