Ushiye umonakalo umlilo eKing Hintsa

Isakhiwo saseKing Hintsa emva kokutshiswa ngumlilo. Umfanekiso: Uthunyelwe

BAXHALABILE ngekamva labo abafundi baseKing Hintsa TVET College emva kokuba amagumbi asixhenxe ale kholeji kuCentane atshe ngumlilo ekuzeni kusa ngoLwesihlanu.

 

Abafundi bale kholeji bathi bavuke kusitsha kwiziko lale kholeji eliseTheko kuCentane. Amagumbi atshileyo aquka amahlanu okufundela kwanamabini ahlala abahlohli. Kula magumbi wabahlohli kutshe amaxwebhu abalulekileyo aqulathe iinkcukaca zabafundi.

 

Inkokeli yabafundi uYanda Twantwa uthi, basothukile sesisehlo. “Kuyasixhalabisa oku, kuba sele sonakalelwe lixesha ebesilichithe emakhaya ngenxa yoqhankqalazo ngoku kuphinda kuvela le.

 

Besilungiselela ukubhala imviwo zethu ngoMvulo oku. Ngoku kuthi gqi le yokutsha kwesikolo,” utshilo uTwantwa.

 

Ukanti isithethi samapolisa kweli leMpuma Koloni uBrigadiya Marinda Mills uthi, unobangela walo mlilo awukaziwa, amapolisa ayaphanda.

 

Abafundi baseKing Hintsa akudalanga bebuyele esikolweni emva kokuba bebekhe babamba uqhankqalazo ixesha engangeenyanga ezimbini, bekhalazela ukuhlawuliswa imali yokubhalisa xa kuqala unyaka, nezinye izikhalazo.