Ushiye umsebenzi wesigxina, walandela iphupha lakhe

 

WATHABATHA isigqibo sokuba ayeke umsebenzi eburhulumenteni kuba efuna ukulandela ubizo lwakhe kwezobugcisa.

Lowo nguVeliswa Hlazo-Maduna (34) weThuswa Legacy eMthatha. “Ayizange ibe sisigqibo esilula eso. Kodwa ngenxa yothando nobizo endinalo ndagqiba ekubeni ngenene mandizibeke phantsi iintambo ndilandele isakhono sam sokuba ngumlingisi,” utshilo uHlazo-Maduna.

UHlazo-Maduna unesidanga kwizifundo zemidlalo yeqonga (Drama) apho iquka ukulingisa, ukucula, ukudanisa kwanokubonga. Wayefunda eStage World Theatre School eGqeberha yena ezalelwa eKariega (Tinarha).

Ukusukela ngo2011 ukuya ku2020 ebesebenza ngokusisigxina kwinkonzo yepolisa kwicandelo lokuthabatha iinkcukacha zeminwe eMount Road eGqeberha.

Ngo2015 emva kokuba abazali bakhe bethabathe umhlalaphantsi bebuyela eMthatha, naye wafaka isicelo sokuthunyelwa eMthatha de wabe ubeka phantsi ngo2020 kwinyanga yokuqala emva kokuba inqununu yesikolo sobugcisa iCastle Academy eBhongweni, eMthatha, yamcela ukuba ayokuhlohla kwesi sikolo iDrama.

UVeliswa Hlazo-Maduna UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Kulapho athi yaba sisigqibo esinzima ukusithatha kuba wayesebenza kakuhle emapoliseni. UHlazo-Maduna uthi kwelinye icala yabe iyinto ayiphilayo ubugcisa nayifundeleyo kwaye nekudala umphefumlo wakhe uyilangazelela.

“Ndicinga ukuba into ebangela ukuba ndingazisoli ngesigqibo endasithabathayo kukuba ndenza into endiyithandayo kwaye ekudala ilangazelelwa ngumphefumlo wam.

“Ndabelana noxolo nothando nabantwana abancinci baseMthatha abanetalente kakhulu. Ndifuna ukuba iDrama eMthatha ikhule kuba italente ikhona qha abantu abakayiqondi,” utshilo uHlazo-Maduna.

Emva kwesi sigqibo wasenzayo amathuba aye amvelela nangakumbi.

ECastle Academy usebenza iintsuku ezintathu ze kwesinye awabizwa kuso iKidlands Primary kwaseMthatha, uhlohla iintsuku ezimbini kwa iDrama.

UHlazo-Maduna ukwaqeqesha abantu abadala abanomdla emculweni, ekudaniseni, ekubongeni nasekulingiseni ngeMigqibelo, apho asebenzisana nomyeni wakhe uThulani Maduna eThuswa Art Centre nesedolophini eMthatha.

Lo mlingisi eseseGqeberha waba nenyhweba yokuqeqeshwa ngabaphume izandla kweli candelo leqonga, abafana negqalakazi elingasekhoyo umama uNomhle Nkonyeni.

Uthi ukwabulela inkxaso kubazali babantwana eMthatha nabakhuthaza abantwana babo. Uvale ngokubongoza abantu abatsha esithi mabalandele iphupha labo.