Ushiye umzila wobunkokeli okhethekileyo uMandela

UNdaba Mandela, uPumullo Musualle namanye amagosa karhulumente neNelson Mandela museum ephethe amahobe kule museum eMthatha. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni
Unconywe njengomntu unobunkokeli obubalaseleyo owayesakuba ngumongameli weli uNelson Rholihlahla Mandela. Oku kuvele kumsitho obibanjelwe kwiziko iNelson Mandela Museum, nobuzinyaswe ziinkokeli kurhulumente, amaqela ezopolitiko, abahlalutyi bezopolotiko, iinjingalwazi, neenkokeli zemveli.

Lo msitho ubuyinxalenye yokukhunjulwa kwale nkokeli emva kokuba ithe yalishiya eli kwiminyaka emithathu edlulileyo. Olusuku belubekelwe bucala ukujonga esele kwenziwe ukugcina umzila kaMadiba kunye nokujonga izinto awayezilwela kwaye kukhanyiswe namakhandlela angamashumi asithoba anesihlanu abonakalisa iminyaka ephilwe leligqala.

Unjingalwazi Somadoda Fikeni ongumhlalutyi wezopolitiko uthi uMadiba wayeyinkokheli ebalaseleyo neqaqambileyo eyayingakhathalelanga
sikhundla. “Ukuba sifuna ukukhumbula umzila kaMadiba kumele siqaphele isikhokhelo sakhe. 

Wabonakalisa ukuba njengenkokeli awubhubhanga xa wehle esihlalweni kwaye wayesazi ukuba kufanele ashiye nini esikhundleni nanjengoko wehla phambi kwexesha kwisihlalo sikongamela wanikela kuThabo Mbeki, nangona umgaqo siseko wawumnika elinye ithuba. 

Usebenze nzima ukutyala kuluntu lwasezilalini yilonto eyamenza wayinkuthazo ngesikhokhelo sakhe.”

U-Andiswa Vikilahle webhunga laseNelson Mandela Museum uthi lamakhandlela athetha ukuba nangona ngolusuku kungenofikwa ndawo zonke kodwa kuvuselelwa ithemba ngokukhunjulwa kwemibono neziseko ezaziphilelwa nguMadiba.

Uthi kulo nyaka baphawula olusuku ngendlela eyahlukileyo yokubandakanya ingxoxo mpikiswano ngomzila kaMadiba. 

Umzukulwana kaMadiba uNdaba Mandela uthe “Ulutsha alunalwazi ukuba utatomkhulu wayemele ntoni, luxanduva lwabantu ukulufundisa ngezinto   awayezilwela eziquka imfundo, ezempilo nezinye. 

Kumele senze konke okusemandleni sikhuthaze ukuba kuthethwe ngesifo ugawulayo kuphinde kufundiswe kuthetha ntoni ubunkokeli.”

Imeko yorhulumente osezintanjeni ophantsi koxinzelelo ibengundaba mlonyeni kulo msitho. Inkulumbuso yeMpuma Koloni uPumullo Musualle uyavuma ukuba urhulumente osezintanjeni usengxakini. 

“Urhulumente uphantsi koxinzelelo olukhulu njengendlela yokukhumbula uMadiba kumele sixinge indlela yokutshintsha le meko. Singurhulumente siyazibophelela sizoqhubeleka nokugcina umzila kaMadiba. Xa kunamhlanje eligqala ngelilwela ubunye kwelilizwe,” utshilo uMusualle. 

Abanye babaphathiswa beMpuma Koloni ebebezimase lo msitho nguThandiswa Marawu wemisebenzi karhulumente, noHellen Sauls-August wokuhlaliswa koluntu.

Ugqwetha likaMadiba nelingumhlobo wakhe omkhulu uGeorge Bizos, noSophie de Bruyn ebebelindelwe kulo msitho abaphumelelanga.