Asiyonto iqhelekileyo ukubona igqiyazana elizenzele igama kunomathotholo, nelisemilebeni kuwonke wonke lishiya konke oko ngeenjongo zokujongana ncakasana nezoshishino.
U-Amanda Ganyaza noyinzalelwane yakuKomani uzenzele igama kwizikhululo zasekuhlaleni kwisithili seChris Hani- iLukhanji FM kunye neVukani FM.
Kodwa kungokunje ulahle konke oko ukukhulisa ishishini lakhe nangakumbi.
Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uGanyaza nowaziwa ngelika-Amish uthe: “Sekudala likhona iqumrhu iPower House Events Management kwaye lasungulwa ndim nomhlobo wam endikhule naye * -Akhona Makalima okwangusompempe weFIFA kwicandelo lamanina.”
“Ndishiye usasazo kuba ndiye ndaqaphela ishishini lifuna ingqwalasela epheleleyo kwanohoyo. Bekungekho kwamali ingako bendiyenza kwezosasazo. Ngoku simaxhaphetshu siququzelela imisitho apha ephondweni, ngeli lixa sikwamele namabhinqa kwicandelo loonobuhle,” utshilo uGanyaza.
IPower House inceda ikakhulu amanina asuka kwiindawo ebezifudula zingaselwa liso ingakumbi emaphandleni.
“Bane abantu esibaqeshe isigxina kuba okwangoku sisajonge inkxaso koomasipala kwizigaba ezithile zoshishino, kwaye nenkxaso ethe gabalala kwiinkalo zonke sisayifuna ukuze sandise inani labantu esibaqesha isigxina liyokutsho kumashumi amabini kwisithuba sale minyaka mithathu izayo,” utsho uGanyaza.
Le nzwakazi kungokunje inezifundo kwicandelo loshishino noqhagamshelwano eyazenza kwiYunivesithi yoMzantsi Afrika.
Ngeenkcukacha ngePowerhouse Events Management Pty Ltd, ungandwendwela ikhasi lika Facebook ku-Amanda Ganyaza kwabo bakwicandelo loonobuhle (modelling).
isibhalo@inl.co.za
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup