Ushiyeke ephaca umama waseGxulu otshiselwe indlu yakhe

Umama waseVezamandla, eLibode, uNozuko Fuma ukhala esimantshiyane emva kokuba indlu yakhe itshiswe yaphela ngobusuku bangeCawa, nge-11 kweyoMnga.

“Akukho nenye ephumileyo, ndiphelele kwezi zinto ndizinxibileyo,” utshilo uFuma egcwele iinyembezi ebusweni.

Uthi ebelele kwamakhelwane ngexesha efumana umnxeba othi kuyatsha kwakhe. Bathe xa beleqa beyokukroba wafumana umnxeba kwindoda ebekade encumisana nayo isithi iyababona njengokuba beleqeka kula ndlu itshayo. UFuma uthi yayivakala le ndoda ukuba ihleli kude kufuphi nendlu le kwaye kurhaneleka ukuba yiyo etshisileyo.

Le ndlu itshileyo ibinamagumbi amabini nefenitshala equka iibhedi, iiwodrophu, ikhabati nezinye. “Iwodrophu yabantwana iphelile. Kutshe naloo yunifom yabo apho,” utshilo uFuma.

Uthi kutshe neempahla zakhe zecawa, iiripoti zabantwana nazo zonke iimpahla zabo ngaphandle nje kwezi bebezinxibe esiqwini. Ngethamsanqa iizazisi zakhe zisindile kuba uthi ebezigcinise ebumelwaneni kuba ebesandokuzisebenzisa. Uthi le ndoda ayikrokrela ukuba itshise indlu yakhe incothule iikhaphetshu ebezityalwe egadini yazishiya apho. Iinkukhu ezili-15 namakewu ebesehokweni akwaziwa nokuba atshele apho na okanye iwathathile yemka nawo le ndoda.

UFuma uthi akazi ukuba uzokuthatha ntoni adibanise nantoni kuba akaphangeli. Uthi nale ndlu itshisiweyo ebeyakhe ngemali yezingxongxo.

“Ingase ndingafumana oku kweyunifomu yabantwana kuba ke ndizophetha nditheni? Eyona nto ndiqonda ukuba ndizobethakala kuyo yile yesikolo,” utshilo uFuma.

Le ndoda ikrokrelwa ukuba itshisile yaziwa ngokuba nguMboqo waseCoza eLibode. UFuma uthi udibene nayo le ndoda ngemini yangeCawa nge-11 kweyoMnga ze yamcenga ukuba abuyelane nayo. Uthe akungavumi ukubuyelana nayo ngenxa yokuba esithi udinwe sisisphatho sayo, yahamba indoda yayokumtshisela indlu yekhe kwangobo busuku.

UFuma uthi le ndoda ayiqali ukummoshela indlu yakhe kuba kuqala yophula iifestile zendlu yakhe esakhiwayo. Wayimangalela kodwa zange ide ibanjwe kuba yayisoloko ibaleka.

“Ndandidilishana nentombazana ezenza ipolisa kanti yintombazana athandana nayo apha edolophini,” utshilo uFuma.

Uthi wancedwa kukuba aye emapoliseni aseLibode ngqo ayokuzivela ukuba ithini inkqubela-phambili yetyala. Uthi wafika kusithiwa ayaziwa le nombolo ibimana imfownela kwaye asiyiyo eyasemapoliseni. Yafowunelwa le nombolo ze umnikazi wayo wavuma ukuba ebethunywe yile ndoda ukuba azenze ipolisa kuFuma.

UFuma uthi angalubulela uncedo lwabantu ukuze athenge oku kweyunifom yesikolo yabantwana ukuze bangasokoli xa kuvulwa esikolweni. Amapolisa asaqhuba uphando ngeli tyala.