Ushiyeke eziseleni otshise amalungu osapho amathathu

Limiselwe uMvulo weveki ezayo ityala lomrhanelwa onamashumi amabini anesixhenxe ubudala, otyholwa ngokutshisa amalungu amathathu osapho lakwaXhongwana eNqadu kuGatyana.

Oku kulandela emva kokuba kwathi kwabonwa amadangatya omlilo ephuma kwindlu eyayilele la maxhoba mathathu, ixhegwazana elinamashumi asixhenxe eminyaka ubudala, kwakunye nabazukulwana balo ababini intwazana eneminyaka elithoba, nobhuti wayo oneminyaka elishumi elinanye.

Oku kwenzeke ngomhla weshumi elinanye kule nyanga sikuyo kwikhaya la maxhoba elikwilali iMatolweni eNqadu kuGatyana, phambi kwentsimbi yesihlanu ekuseni.

Othethela amapolisa kuGatyana uKapteni Jackson Manatha uthi, umrhanelwa ujongene namatyala amathathu, elokudlwengula, elokubulala kwakunye nekoluxhwila.

Ukwathethe umrhanelwa kuvakala ukuba waqala ngokuxhwila ze adlwengule intwazana encedisa kweli khaya lamaxhoba.

UManatha uqhube wathi, abahlali babona ngomlilo baleqa kweli khaya, nalapho bafika bangena ngeliyokuhlangula olu sapho, kodwa bafika sele ebhubhile ngumlilo omathathu amaxhoba ngaphakathi.

Ityala limiselwe uMvulo weveki ezayo ngumantyi obelichophele, umrhanelwa ekulindeleke ukuba afake isicelo sebheyile ngalo mhla, ubuyiselwe eziseleni.

abongile.ginya@inl.co.za