Ushiyile uMbuyiseni Ndlozi njengelungu le’EFF ePalamente

Ushiyile uMbuyiseni Ndlozi njengelungu le’EFF ePalamente. Umfanekiso: Itumeleng English/ Independent Newspaper.

Emva kwamarhe ekukudala ejikeleza kumajelo eendaba nakumakhasi onxibelelwano, ekugqibeleni uGqirha Mbuyiseni Ndlozi ufake incwadi eqinisekisa ukuba akasenakuba lilungu lePalamente le’Economic Freedom Fighters (EFF).

Oku kuvela emva kokuba uNdlozi evinjwe ithuba lokuba yinxalenye yenkomfa kazwelonke yombutho we’EFF ebibanjelwe eNASREC eRhawutini.

Ingxelo ekhutshwe yiEFF ithi ngenene uNdlozi ekunye noYazini Tetyana bashiyile njengamalungu e’EFF ePalamente. Iimpawu zokungonwabi kukaNdlozi kwiEFF ziqale ngokuba avalwe umlomo enganikwa ithuba lokuqamba iingoma ebesaziwa ngazo.

“Singumbutho we’EFF singaqinisekisa ukuba ngenene sifumene iincwadi eziqinisekisa ukuba uYazini Tetyana kwakunye noGqirha Mbuyiseni Ndlozi bashiyile njengamalungu ePalamente,” kutsho ingxelo ye’EFF.

Kuyakhula kwaye kuyaqhubeka ukushiya kwamalungu aphezulu ombutho we’EFF ukusukela kunyaka ophelileyo.

“Sikwamkele ngaphandle kwengxaki ukushiya kwabo, njengoko benze umsebenzi oncomekayo njengamalungu e’EFF ePalamente besebenzela abantu baseMzantsi Afrika,” kutsho ingxelo ye’EFF.

UTetyana ukhe wasebenza njengoSihlalo we’EFF eMpuma Koloni ngaphambi kokuba asebenze kwiPalamente kazwelonke eKapa.

Kukho amarhe wokuba uNdlozi angazimanya nombutho kaJacob Zuma iMK Party engumazibuthe ithatha amalungu kweminye imibutho. Ukanti zikwakho iingxelo zokuba uNdlozi ujonge ukusebenzisa ixesha lakhe enkonzweni ekhonza iNkosi.