Iivenkile ezimbini ezinkulu eGoli zinikwe izilumkiso ezibhaliweyo kwaye zayalelwa ukuba zisuse ukutya okuphelelweyo kwiivenkile zabo njengoko abemi boMzantsi Afrika bebeleqa ukuya kuthenga izinto zeKrisimesi.
Iqela labahloli bezempilo elikhokelwa nguMphathiswa wezeziMali noPhuhliso lwezoQoqosho eGauteng, uLebogang Maile, lihlole ivenkile ethengisa ukutya yakwaShoprite kunye nevenkile yakwaSupa Store ngoMvulo.
Zombini ezi venkile bezikwingingqi yaseSoweto kwaye abasemagunyeni abafumananga nje ukutya okuphelelwe lixesha okuthengiswayo, kodwa bekukho nokutya kwiishelufu ebezingenamhla wokuphelelwa.
Abahloli bezempilo baye bafumana ilindle lempuku phezu kokutya okusetotini kwivenkile yakwaShoprite kwaye bathi baye banyanzeleka ukuba bayisuse imveliso yenyama ephelelwe lixesha.
“Sifumene ilindle lempuku kwenye yeetoti apha kwaye njengoko unokuthelekelela, ayilunganga le nto ukuba isetyenziswe ngabantu. Asonwabanga kwaye siza kubuya,” utshilo uMphathiswa.
KwaSupa Store abasemagunyeni bafumene iisosi kunye neekonteyina zepikhile okanye eze’atchar zingenamihla yokuphelelwa.
Abasemagunyeni baye bahlola ivenkile yakwaPick n Pay eMaponya Mall baza bafumanisa ukuba le venkile kunye nabaphathi bayo bayayithobela imithetho.
Uxinzelelo kwiivenkile ezinkulu nezincinci
UMaile uthe urhulumente uza kuqhubeka efaka uxinzelelo kwiivenkile ezithengisa ukutya ezingathobeliyo kunye neendawo zokukutya kwiphondo.
“Siza kufaka uxinzelelo ngakumbi (kubanini beevenkile) kwaye siza kongeza ngezinye izixhobo,” ucacise watsho.
“Into endingakuxelela yona ngokuqinisekileyo kukuba le nkqubo siyithathela ingqalelo. Yiyo loo nto siye sagqiba kwelokuba siya kwiivenkile ezinkulu ngoku hayi kwiivenkile ezincinci kuphela. Urhulumente ufaka izixhobo emapoliseni, sinabahloli ababelapha,” wongeze watsho.
UMaile uthe urhulumente elona xesha lininzi ebegxile kwiziphaza kwaye uvumile ukuba basilele ekuhloleni iivenkile ezinkulu ezifana noShoprite noPick n Pay.
“Kufuneka sigxininise nakuzo kuba wonke umntu unoxanduva lokugcina imigangatho nokuqinisekisa ukuba iindawo athengisa kuzo ukutya zicocekile kwaye abantu abajongani nabuphi na ubungozi,” ubethelele watsho.
“Nangona urhulumente ebesebenza nzima ukukhupha izinto eziphelelwe lixesha elizweni nokuphucula iinkonzo zokuphatha ukutya, abanini bamashishini nabo banoxanduva lokuqinisekisa ukuba bayayithobela imithetho yelizwe,” utshilo uMEC.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!