Usiba lukhahlela kwiikumkani neekumkanikazi zobugcisa nenkcubeko eMzantsi

“AMAGCISA afikelela apho bangafikeleli khona oosopolitiki. Ubugcisa, ingakumbi ulonwabo nomculo, zaziwa nguye wonke ubani; kunjalo nje ziphakamisa umoya, zikwafundisa abo baphulaphuleyo.”

La ngamazwi walowo ungasekhoyo uRholihlahla Nelson Mandela, ecatshulwa nguMphathiswa wobuGcisa neNkcubeko uNathi Mthethwa ngethuba evula amawonga okuqala ngqa abizwa Usiba Creative & Cultural Industries abebanjelwe kwiziko iEmperor’s Palace eRhawutini kwimpelaveki ephelileyo.

UMphathiswa uthi la mawonga ngawokubhiyozela ukutyeba kwenkcubeko yobugcisa kwilizwe loMzantsi Afrika.

“Yiminyaka amagcisa ethu ekhalaza esithi akukho qonga likwizinga eliphakamileyo elibanika ingqwalasela ngelixa besaphila,” kutsho uMthethwa.

UMphathiswa uthi Usiba liqonga eliza kukhuthaza kwaye liwonge abo banegalelo elikhulu kwinkcubeko, imizi yokugcina amagugu namafa, ezeelwimi, upapasho, ezemfundo njalo njalo.

“Sikwenza oku bephila, hayi bebhubhile bengena kusiva sibakhahlela kwaye sibabulela,” kutsho uMthethwa.

Abawongiweyo bafumene iwonga elenziwe lanophawu losiba nephondo.

“Usiba lubonisa ukubalasela. Lukwabonisa isikweko kwicandelo lokubhala ; uphawu lwenkululeko, ubulumko, iwonga, isithembiso, ukungaphezi namaphupha,” kucacisa uMthethwa.

“Uphondo lubonisa amandla, ubizo, unonophelo nexilongo. Oku konke kubonisa indima edlalwa ngamagcisa kubomi babantu.”

Abasasazi bodumo uUnathi Nkayi noBobby Van Jaarsveld bathe babhexesha la mawonga.

Imbongi uJessica Mbangeni, uBrenda Mtambo, uMbuzo Khoza, Thembisile Ntaka, Nothembi, Rebecca Malope nabanye, bonwabise ngengoma.

Abawongiweyo:

Arts Education: David Koloane, Moira Katz noGregory Maqoma.

Heritage & Museum: Christopher Till noAnthony Kesimolotse.

Design and Technical: William Kentridge, Precious Moloi – Motsepe noMugau Seshoene.

Audio Visual & Creative: Anant Singh noTeboho Mahlatsi.

Indigenous Wisdom: Credo Mutwa.

Perfomance & Celebration: Gqr. Nothembi Mkwebane, PJ Powers, Blondie Makhene noJohn Kani.

Visual Arts & Crafts: Dr Esther Mahlangu, Carol Brown noNoria Mabasa.

Language & Publishing: Gcina Mhlophe, Don Matera noMothobi Motloatse.

UMphathiswa uye wawonga naba balandelayo ngeMinister’s Iconic Award: Freddie Nyathela, Brenda Fassie, Ladysmith Black Mambazo, BW Vilakazi, Johnny Clegg, Sipho Mchunu, Busi Mhlongo, Ronnie Govender, James David Matthews, Phuzushukela Bhengu noGerard Sekoto.

Usiba likwabhiyozele iminyaka elikhulu kaAlbertina Sisulu noNelson Mandela – liqaphela nama40 eminyaka kususela oko kwasweleka uRobert Sobukwe.

La mawonga aveliswe yiMirror PR & Events Team ekhokelwa nguZanele Mbokazi, iSebe lobuGcisa neNkcubeko kwakunye noMfelandawonye wamaSiko neQonga lamaChule eli (CCIFSA).