USibuyile “mama”!

Kule minyakana imbalwa ndiyile ndoda yeMpondomise lengubo eligqobhokileyo, andizange ndacinga ukuba ndingaze ndicinge kabini ngalo mba.

Ndisitsho nje ekuphumeni kwam esuthwini ndahle ndanentandabuzo ukuba unyana wam angaze amelane neenzima endadlula kuzo ukwenziwa indoda, nokuze ndibe nguLiwelile igama lam lobufana.

Kaloku mna ndingulowo ukwaluka kwakhe, ikhankatha ubhuti Xhaso kaTshabane (ongasekhoyo kulo mhlaba) wathena inkunzi yenja yakhe esithi uyenza usaluka wethu! Kwekhu, ndandimthanda ke loo mfo, inene uyafihla mhlaba!

“Ukwalukela esibhedlele” kwelakuthi yinto echaswe kakhulu nekwenza ungaze wonwabe phakathi kwamadoda akuthi. Njengokuba kwezinye iindawo kuchaswa indoda engenzanga mgidi, kwelakuthi kuchaswa “eyalukele esibhedlele”. Igama layo kuthiwa nguSibuyile. Kuthiwa inika ingxelo kunina, kungako kude kufakelwa nomama nje kuthiwe “nguSibuyile mama”.

Sisengabafana sabetha omnye usibuyile wafa isiqaqa ubusuku bonke engene endlwini yesifana; sambeka egumbini sisithi kungcono afe eso siqaqa kunokuba sidanise noSibuyile! Kwekhu, yayisengaloo maxesha ezo nto ke lawo umfundi wam, uMgaqo-siseko omiyo wazibhangisa izenzo ezinjalo, ningabuyeli kuzo ngokuziva ndizibalisa.

Kususela elo xesha ke, oko ndikothamele ukwenziwa kwamadoda. Ndigxeka amadoda esiwenzayo kule mihla: wena zimfundiso ezintsha, nayo yonke into ebheke ecaleni kwinkqubo yolwaluko kule mihla.

Okubi nangakumbi nokundishincela ukuba ndithi nokuba ingathathwa le nkqubo imiyo iyophoswa ezindongeni, kukufa kwabakwetha! Hayi ke leyo indenza elentambo igeza eli. Ndisitsho nje ndiyibukela koomabonakude, ayikho phaya kwelakuthi. Thina sisabuya nawo ephila kula mhlaba wakuNgcengane.

Amadoda esiwenzayo wona kule mihla andiwaphumezi kwesam “isikali” sokulinganisa ubudoda. Ebekumele ukuba ndiyalusile kubusika balo nyaka siwuphetheyo phaya ekhaya, nephethe i-19 leminyaka ubudala, ndiyijonge ndayijonga ndafika ndingaboni sizathu ndinokuthi ndiyalusela sona.

Akukabikho nto ithi inokuba yindoda. Ndithe masifane sijonge unyaka ozayo ukuba ayuvelisa zimpawu zibufaneleyo na ubudoda, iyokwenza ke leyo nkwalambisa sele isenziwa.

Ukubuyela kubunzima bokuwelisela amakhwenkwe ebudodeni nendicinga ukuba bubo obubulala la makhwenkwe, mhlawumbi bothanyelwe ngamaqhitala kule mihla.

Sasikhona isizathu sokuba adluliswe ebunzimeni amakhwenkwe ukuwenza amadoda. Ayelungiselelwa ukuba aze abe nako ukumelana namaxesha obunzima; yayiluqeqesho ngesimo sentlalo saloo mihla.

Kule mihla ke yobuntofontofo andibazi obu bunzima asafakwa kubo de afe la makhwenkwe xa eqeqeshwa ukuba bobantoni na. Akusekho mntu wonzakaliswa ngekrele ze anyangwe ngemichiza yasendle kule mihla, izibhedlele zikhona.

Akusekho mntu ukhwabaza iqabaka ngeenyawo, akusekho mntu uhamba ngaze kumaqhwa asebusika (nabahlala ezitalatweni bahoyiwe ngurhulumente namahlakni akhe). Akusekho mntu udla iinkobe njengesidlo sosuku, owenjenjalo uyazithandela. Akusekho zimfazwe nakuphila kukuzingela!

Zonke ezi nzima ndizibalulayo zazisesona sizathu zokudluliswa kwabakhwetha ebunzimeni basenyameni. Kwakusenzelwa ukuze bawalungele loo maxesha obunzima mhla afika ebomini bawo, njengabantu abalungiselelwa ukuba ziintloko zeentsapho.

Asatyatyulelwa ntoni ke la makhwenkwe kule mihla? Yintoni le kufunwa ayilungele ngokwasebunzimeni basenyameni?

Xa ke zingasekho ezi nzima kungani ukuba la makhwenkwe angasiwa esibhedlele ze athi akuphila asiwe esuthwini ukuya kufumana iimfundiso zobudoda ngokwenkcubeko?

Besenditshilo ndathi ndiyabhanxa kwabakuthi ngokuthetha olu hlobo. Ndifanele, ndinyanye ndagqithisa kukubulawa kwabantwana esuthwini ngeli ze! Yisani abantwana esibhedlele nina boyiswayo yindlela yemveli. Akunincedi oku kuzidla ngekrexe elinenyeke kwenu.

Goba msenge iibhokhwe zikudle!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba