Usomashishini uPatrice “Mntuwabantu” Motsepe, ufezekise isithembiso awasenzayo kunyaka odlulileyo ngokuthi anikele izixhobo zokuzilolonga kumaqela amanqindi angamashumi amahlanu anesixhenxe eMdantsane Sun Hotel.
Lo kaMotsepe, phantsi kwegama lombutho iMotsepe Foundation, unikele ngezixhobo ezikwixabiso lesigidi seerandi kulo msitho ubuzinyaswe ziindwalutho esingabalula kuzo usodolophu * -Alfred Mtsi, umphathiswa wezemidlalo kwiphondo uPemmy Majodina, amagosa kaBoxing South Africa kuzwelonke nakwiphondo uVuyani Bungu, Welcome Ncitha, Loyiso Mtya, owayesakuba ngusompempe uAndile “Ace” Ncobo, Trott Moloto, abaququzeleli bemidlalo yamanqindi uAndile Sidinile, uBongani Zulu, Gabs Mtshali kwakunye nabanye .
Ethetha kulo msitho uMotsepe uthe: “Abantu abaninzi bandazi njengompathi weqela iMamelodi Sundowns okanye umxhasi wokhuphiswano iABC Motsepe League, kanti sikwakhona nakwitumente kazwelonke kwibhola yomnyazi.”
“Amanqindi yinto esondeleyo kakhulu entliziyweni yam, utata wam ondizalayo ebewathanda kakhulu, nam kutshanje bendise unyana eMelika uyokubukela uFloyd Mayweather. Siyacela sibongoza zisetyenziswe ngobunono ezi zixhobo, zingathengiswa,” utshilo uMotsepe.
UMajodina uthe: “Namhlanje intlungu kaMama UTete ijike yayinyhweba kwabezamanqindi, sithi umzingisi akanashwa, yanga apho uthatha khona kwande Tata UMotsepe. Namhlanje sizokungqina lo msebenzi mhle.”
Oligosa kwiBoxing SA kwiphondo uPhakamile Jacobs uthe: “Yimbali le kwezamanqindi, siyabulela Motsepe, kokokuqala into enje isenzeka. Sithi, zizakwanda iintshatsheli zale ngingqi, ngoku sineentshatsheli ezingama-20. “
Ngethuba wayetyelele eMdantsane nyakenye, uMotsepe wathembisa ngelithi uzakuxhasa amanqini kule ngingqi.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro