USimuku uhlab’ ikhwelo kwiKumkani yamaXhosa

Umhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yoMsintsi wabekwa bucala ngurhulumente weloMzantsi Afrika emva kokungena korhulumente wesininzi elulawulweni ngo’1994, njengosuku olukhethekileyo lokubhiyozela iinkcubeko zabantu beli ngokohlukana kwabo.

Njengoko uninzi lwabemi beli lizwe lwalucinezelwe iminyaka emininzi, urhulumente [emva kuka’94] wabona kufanelekile ukuba kubekho usuku lokubhiyozela inkcubeko – eyona nto ebalulekileyo kwiintlanga ezohlukeneyo zelizwe.

Ngosuku lokuphehlelelwa kosuku lwenkcubeko ngo’1996, umongameli wokuqala wenkululeko, uNelson Rholihlahla Mandela, wathetha wenjenje: “Urhulumente wenkululeko wabona kufanelekile ukuba kubekho usuku lwenkcubeko njengeholide. Senza njalo kuba sasisazi ukuba iinkcubeko zabo ngokwahlukana kwabo zinamandla wokwakha ngokutsha eli lizwe.”

Isizwe esimnyama sagululwa yonke ikcubeko yaso saze saqhelaniswa inkcubeko nempilo yaseNtshona eyabethelelwa ezingqondweni zabantu njengeyona iphucukileyo kunazo zonke ehlabathini.

Ngempelaveki abantu abadala nolutsha bebezimase umsitho wokubhiyozela olu suku eSteve Biko Centre eGinsberg, kwidolophu yaseQonce.

Injongo yokuhlanganiswa kwabantu ibikukuzama ukukhuthaza amaXhosa ukuba ayixabise inkcubeko yawo – kwangaxeshanye bekufundiswa abantu ngokubaluleka kwenkcubeko ebomini babo.

Izithethi eziphambili ebezizimase lo msitho, utat’ uMlawu Tyatyeka noMphilisi uLulama Mpahla, ziphawule ngezinto ezibalulekileyo. I’solezwe lincokole bucala noNeliswa Simuku obeyinxalenye yalo msitho – intokazi enebhongo kakhulu ngobuXhosa nemvelaphi yomntu omnyama.

Le ntokazi yaseManzothweni ezalelwe kwilali yaseNjingini, kuCentane, ihlabe ikhwelo kwikumkani yamaXhosa, uZwelonke, ngelithi makubekho intshukumo ayenzayo ngolwimi lwesiXhosa olusecicini lokubhanga ngenxa yokungathethwa kwalo kakuhle.

“Uyabona ke ngale mini yenkcubeko nokuzingca ngamasiko nezithethe zethu; abantu abaninzi baye bacinge ukuba eyona nto ibalulekileyo sisinxibo – kanti ingaphezulu kwalo nto. Ulwimi lwethu, isiXhosa, yeyona nto ingamandla, endiyabona ukuba ifuna ukulahleka. Alusathethwa kakuhle nalapha koonomathotholo. Akwaba ikumkani yethu uZwelonke angadibana nabasemagunyeni kulungiswe isiXhosa.

Nathi emakhaya kufuneka sibafundise abantwana bethu, nokuba bayazazi ezinye iilwimi – kodwa kubalulekile ukulazi ulwimi lwenkobe,” utshilo uSimuku.

Ephawula ngezinto ezinokunceda abantu kwicala lempilo nangentlonipho, uManzotho, uthe abantu mabakutye ukutya okwakusetyenziswa kudala ngoba kukona kusempilweni ngaphezulu koku kwale mihla.

“Sonke masihloniphane, ngoba, apha esiXhoseni – akukho nto ibaluleke ngathi yintlonipho. Izinto ezifana nodlwengulo lwabantu lungaphela ukuba singazifundisa ukuhlonipha. Singabantu abachubekileyo thina maXhosa – masibuyele ekuchubekeni kwethu,” uvale ngalo mazwi uSimuku, obevathe isinxibo sakwaNtu ukusuka entloko ukuya eluzwaneni.