USindi ukhonjwa kuZalo

USindi Dlathu obedlala kwiMuvhango

Osandul’ ukushiya iMuvhango, uSindi Dlathu, ukhonjwa
emdlalweni weSABC 1 uZalo.

 Ngokutsho komthombo osondelene noZalo, uSindi uthathe
isigqibo sokushenxa kwiMuvhango emva kokufumana amadlelo aluhlaza kulo mdlalo
udlalelwa eThekwini.

 Omnye umthombo udize ukuba uSindi usondezelwe kulo
mdlalo ngumdidiyeli omkhulu weMuvhango, nobesakuba ngumdidiyeli omkhulu
woZalo uDuma KaNdlovu.

 “USindi noDuma bayevana kwaye uSindi ungomnye
wabadlali abahamba phambili emdlalweni kaDuma ozokuqala ukwenziwa kwinyanga
ezayo eThekwini. Kuthiwa bavumelene ngelithi noDuma makayeke kwiMuvhango ukuze
ayokuqinisa kula mdlalo.

UDuma udinga uSindi azokuhlala ngokupheleleyo apha
eThekwini,” kutsho lo mthombo.

 Ayikokokuqala lo mdlali kamabonakude esoyanyaniswa
noZalo.

Kunyaka ophelileyo ngenyanga yeNkanga i-website iSwag Africa yaveza ukuba uSindi uzakushiya kungekudala
kwiMuvhango enjenjeya ukuya kuZalo.

 Imizamo yethu yokufumana uSindi ukuze enze izwi
ayiphumelelanga, ukanti kweliny’icala othethela uZalo uAyanda Mthiyane walile
ukuphefumla.

 USindi, nobedlala indawo kaThandaza Mokoena, ubhengeze
kwiveki ephelileyo ukuba uyalahla kwiMuvhango edlala kwiSABC 2.

 Ngethuba ebuzwa ngezizathu zokushiya kwakhe, uthe
ufuna ukwenza eminye imisebenzi kamabonakude kwaye abenokukhula njengomntu.